Uza kubuyela kwinyanga ezayo phambi koMantyi waseNgcobo uAkhona Unathi Deyi (51) emva kokuba ethe akayifuna ngokwakhe ibheyile ngethuba evela phambi koMantyi kwiveki ephelileyo malunga nezityholo ajongene nazo zokuxhwila.
UDeyi uxube ababini atyholwa nabo nasele bengaphakathi eziseleni, uMpumelelo Nyosi (41) kwakunye nobesenza njengonesi kwikliniki yaseNgangelizwe eMthatha, uNtsika Tyali (38), nababebanjwe ngenyanga kaJulayi kunyaka ophelileyo omnye wabanjwa ngoJanyuwari kulo nyaka.
Ngokwengxelo yeeHawks zaseMpuma Koloni, ithi esi sithathu sijongene nezi zityholo ngomhla wesithandathu (6) kuJulayi 2024, saxhwila abantu ababini kwikhaya labo eliseNgcobo bebakhombe ngemipu babafaka emotweni bebasa kwindawo engaziwayo apho bafika bafuna imali ngenkani kwakunye namakhadi ebhanki.
Ingxelo iqhuba ithi amaxhoba aphulukana nemali engapha kwesigidi seerandi (R1,5 million).
UDeyi uza kuvela kwakhona ngomhla weshumi (10) ngoMatshi eNgcobo njengoko kusaqhutyekekwa nophando.