UMongameli uCyril Ramaphosa esenza intetho yobume besizwe kwiholo yesixeko saseKapa. Umfanekiso: Phando Jikelo/African News Agency (ANA)
UMongameli uCyril Ramaphosa wenze intetho yakhe yesithoba engobume besizwe ngoLwesine.
URamaphosa uqalise intetho yakhe ngokunika imbeko kumajoni alishumi elinesine (14), abhubhe ngexesha lemfazwe eDemocratic Republic of Congo (DRC).
URamaphosa uye wondlala isikhokelo sikarhulumente sonyaka.
Nanga amanqaku alishumi aphambili kwintetho kaRamaphosa:
Ukubhiyozelwa komqulu wenkululeko: URamaphosa ubalule ukuba le ntetho iphawula iminyaka engamashumi asixhenxe (70) ukususela oko wamkelwayo uMqulu weNkululeko, egxininisa indima yawo njengelitye lembombo kuMgaqo-siseko wentando yesininzi yoMzantsi Afrika kunye nesikhokelo sokwakha isizwe esimanyeneyo nesinempumelelo.
Umanyano lwesizwe kunye nengxoxo: Ikhwelo lengxoxo yesizwe imema abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane bachaze umbono wale minyaka ingamashumi amathathu (30) izayo, bebethelela ukubaluleka kwentsebenziswano kuzo zonke iimvelaphi ezahlukeneyo.
Ukukhula koqoqosho kunye nokudalwa kwemisebenzi: Eyona nto ingxamisekileyo karhulumente kukuqhuba ukukhula koqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke nokudala imisebenzi, kunye namalinge okunciphisa intlupheko nokuphucula umgangatho wokuphila.
Uhlengahlengiso lweenkonzo zoluntu: Kukho ukuzinikela ekuqiniseni iinkonzo zoluntu ukuze kuqinisekiswe ulawulo olungcono, kuquka nokuqaliswa kwamaziko okugaya abantu abanezidanga ukutsala abantu abanezakhono.
Utyalo-mali lweziseko zophuhliso: Urhulumente uceba ukutyala imali engaphaya kwamakhulu alithoba anamashumi amane eebhiliyoni zeerandi (R940 billion) kwiziseko ezingundoqo kule minyaka mithathu izayo, egxile ekuvuseleleni iindlela, iibhulorho, kunye neenkonzo ezibalulekileyo.
Ukhuseleko lwamandla: Iinzame ziyaqhubeka ukuguqula inkqubo yezamandla ukuqinisekisa ukhuseleko lwexesha elide, kubandakanywa ukusekwa kwemarike yombane ekhuphisanayo kunye nokuvuselela utyalo-mali lwabucala.
Ulawulo lomthombo wamanzi: Ukujongana nengxaki yamanzi ngumba ophambili, ngotyalo-mali olubonakalayo kwiiprojekthi ezinkulu zeziseko ezingundoqo zamanzi kunye nokusekwa kwearhente ejongana nale ngxaki, iNational Water Resource Infrastructure Agency.
Inguqu yezoqoqosho: Ingxowa-mali yenguqu exabisa amashumi amabini eebhiliyoni zeerandi (R20 billion) ngonyaka iza kugxila ekuxhobiseni amashishini abantsundu namashishini amancinane, ijongane nokungalingani ngokwembali.
Amathuba engqesho kulutsha: Urhulumente ujolise ekudaleni amathuba emisebenzi athe kratya kulutsha ngeenkqubo ezintsha zengqesho kunye nenkxaso yophuhliso lwezakhono.
Ukulwa norhwaphilizo: Ukusekwa kweCandelo loPhando oluChasene noRhwaphilizo kunye nelebhu yophando lwedijithali kujolise ekomelezeni iinzame zokuphanda nokutshutshisa amatyala orhwaphilizo akwinqanaba eliphezulu.