UMiss Indoni Cultural SA nembongi uInako Mateza weInako Foundation uza kube etsheluza kwiPalamente yoMzantsi Afrika ngoLwesine etshayelela uMongameli Cyril Ramaphosa. UMFANEKISO: INAKO FOUNDATION
Onesithsaba sokuba yi-Indoni yamaXhosa kukhuphiswano lwe’Indoni Miss Cultural SA 2023/2024, umsunguli we’Inako Foundation nokwayimbongi, uInako Mateza, uzakube enenyweba yokutshayelela ngokuthi abonge uMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa kusasa ngomso, uLwesine xa ezakube esothula intetho yobume besizwe (SONA) ePalamente. Le ntwazana ithi oku kuthetha lukhulu kuye kwaye ingummangaliso.
UMateza (19) wakuGatyane, uthi eli thuba alifumeneyo unethemba elikhulu lokuba lakuthi limvulele namanye amathuba.
UMateza usekude ukuze afike kumashumi amathathu eminyaka kodwa sele eziqaqambisele igama lakhe, kwaye sele eneminyaka elishumi (10) eyimbongi.
“Ndonwabe ngeyona ndlela endingayaziyo ukuba ndingayichaza njani. Ngokuchongwa emva kwale minyaka ilishumi ndiyimbongi ndiziva ndichulumance ngeyona ndlela. Ingakumbi xa ndiyimbongi yokuqala engowasetyhini ukubonga uMongameli kwilizwe jikelele. Ndithi inene amasi abekw’elangeni. Ngeli ithuba ndingazibona sele ndisiya naphesheya ngenxa yokubonga okuhamba nokuthanda isintu sakowethu,” utshilo uMateza.
Eli gqiyazana kuhambo lwalo linqwenelelwe okuhle ngumbutho weANC kwingingqi yeAmathole ukwavuyisana nalo.
UNobhala wengingqi yeAmthole uNombuyekezo Nkwenkwezi-Ncetezo, uthi le ngqingqi izakuthi gqolo ukunika inkxaso, kwaye ithi iyazidla ngeli gqiyazana nesele lenze okuninzi ekuhlaleni kwanokuphuhlisa abalingana naye kwiFoundation yakhe.
“IOfisi kaMongameli ithabathe eli nyathelo ukuqinisekisa ukuba abantwana abangamantombazana abaphuma ezilalini bayagqama, bayabonakala kwaye liyavakala ilizwi labo ngokukhethwa kukaInako. Simnqwenelela okuhle nanjengoko ilizwe liza kube libukele yena xa liza kube lijonge ngabomvu intetho yobume kaMongameli,” utshilo uNcetezo.
UInako Mateza obengomnye weembongi ebezibonga kumngcwabo wembongikazi engasekhoyo uJessica Jess Mbangeni kunyaka ophelilieyo kuKothane eNgqamakwe.
Xa wayencokola neli phephandaba ngaphambili, wadiza ukuba uza kuntinga abheke phambili kwaye enze ngokweminqweno yongasekhoyo uJessica nanjengoko wayemshiye nalo mazwi.
I-SONA isePalamente eKapa ngomso uLwesine, iza kuqala ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.
Related Topics: