AmaPolisa aKwaNobuhle avule iqwakuqwaku emva kokubhubha kwabantwana ababini kwidama elaziwa ngokuba yiReservoir elisengingqini KwaNobuhle.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Sandra Janse Van Rensburg, ithi, abahlali beve ngezikhalo zabantwana zisithi gqi ngakweli dama nelikwikona yase10th ne1st Avenue, ekulandeleleni kwabo bafike omnye umntwana oyinkwenkwe nogama linguIviwe Zakumba (3) esaphila nothe waleqiswa ngutata wakhe kwisibhedlele iLaetitia Bam, kodwa noye wabhubhela endleni esaya ngakhona.
Ingxelo iqhuba ithi owesibini umntwana oyintombazana uBotwelethu Zakumba (7) abahlali bafike sele ebhubhile engaphakathi kumgxuma okweli damı kwaye sele egqunyelelwe ngamanzi.
AmaPolisa aKwaNobuhle, abize iindadi neziye zonyusa umzimba wale ntwazana.
UJanse Van Rensburg uthi uphando luyaqhubekeka.
Related Topics: