Onqunyanyiswe njengeNkosi uAvela Ngubesilo Njuqwana (29) ojongene netyala lokubetha umama osele ekhulile. UMFANEKISO: FACEBOOK
Ushiyeke ngaphakathi eziseleni ngethuba evela okokuqala ngoMvulo phambi koMantyi eXhorha obeyiNkosi uAvela Ngubesilo Njuqwana (29), emva kokujongana netyala lokubetha umama uNoanswer Thuma (79), kwindawo yentselo kuba emtyhola ngokuba nguye owabulala utata wakhe.
UNjuqwana ushiyeke ngaphakathi eziseleni kuba elinde uMvulo weveki ezayo umhla weshumi (10), nalapho aza kube efaka isicelo sebheyile. Esi sehlo senzeke emini ngoLwesine kwiveki ephelileyo kwindawo yaseSholorha, eXhorha, apho uNjuqwana ebethe lo mama.
UNoanswer (79), ebalisa kwividiyo yeKhula Community Development EC, uthi utata walo ebesakuba yiNkosi wayehlekisana naye esaphila. Uthi babebuya emguyweni ngorhatya behamba kunye ngethuba utata lo kaNjuqwana ehlaselwa ebulawa. Uqhuba athi kwaye ngethuba ehlaselwa bebengasahambi kunye, yena ubesele esendlini ngethuba kusenzeka oku, nathi yena oku wakuva ngentseni yosuku olulandelayo.
Umama uqhuba uthi uNjuqwana ufike esaziselela nomnye umakoti ebehamba naye kule ndawo, apho uNjuqwana afike wamxelela ukuba uza kwenza umsebenzi katata wakhe lo wabulawa nguye watsho emqhwaba ngeempama emkhaba.
Unyana kaNoanswer, uPhumzile, uthi imkhathaze kakhulu into yokubona umzali wakhe enkulwa ngohlobo athe wankulwa ngalo. Uqhube wathi makavalelwe angaphumi uNjuqwana, ukuba uphumile asuke esihlalweni kuba akakwazi ukuphathisana nabantu.
Ibhunga lamakhosikazi eANC eAmathole (ANC Women’s Caucus) ibikwaMantyi eXhorha, nayo ikunye neKhula Community Development ngoMvulo beyokunika inkxaso ixhoba.
UZukiswa Bungeni weANC Women’s Caucus, nobetyelele kweli khaya neKhula EC ngeCawe uthi, othathe ividiyo ngethuba kubethwa aba mama usebenzile njengoko esithi mhlambi ngeyengakhange afumane nkxaso umama futhi ibonwe. UBungeni uthi nangona bekungekho kuhle ukubona umzali kumakhasi onxibelelwano esenziwa la nto.
UNjuqwana uye wanqunyanyiswa ngokukhawuleza kwesi sikhundla sakhe nguRhulumente. UMphathiswa wemiCimbi yeeNkosi eMpuma Koloni, uZolile Williams, uthi isenzo salo ebeyiNkosi sinobuzaza watsho ememelela ubulungiswa kula manina. UWilliams ukwamemelele nengalo yomthetho ukuba idlale indima yayo.
Related Topics: