INkosi yaseSholorha eXhorha kwividiyo inkula amakhosikazi asele ekulile. Umfanekiso: Icatshulwe kwividiyo.
URhulumente, iiNkosi kwanemibutho yezoPolitiko zikhalimele kabukhali isenzo seNkosi yaseXhorha ebethe amanina amabini emini ngoLwesine.
Oku kuza emva kwevidiyo endanda kumakhasi onxibelelwano apho le Nkosi ivele yaqhwaba ngempama umama osele ekhulile kwindawo yentselo, kwabe ecaleni kukho abantu abangootata bebukele. Kweyesebini ividiyo, le Nkosi ivele ikhaba kwalo mama kwabe sekungenelela omnye umama ezama ukunqanda nalapho naye waphoswa kude yile Nkosi.
NgoLwesihlanu, uMphathiswa wemiCimbi yeeNkosi eMpuma Kokoni uZolile Williams, ubhengeze ukuba le Nkosi uyayinqumamisa kwisikhundla sayo.
UWilliams uthi isenzo sale Nkosi sinobuzaza watsho ememelela ubulungisa ngakula manina mabini.
Le Nkosi ineminyaka engama29 yeyase Sholorha eXhorha. Eli phephandaba I’solezwe lesiXhosa linalo igama lale Nkosi, kodwa ngokwemithetho alinakulikhankanya igama layo de ibe ivela phambi kukaMantyi ngoMvulo weveki ezayo emva kokubanjwa kwayo ngamaPolisa ngoLwesine kule veki.
Isithethi samaPolisa uColonel Siphokazi Mawisa uthi kuvulwe ityala lokubetha ukuze kuphandwe. UNobangela awukaziwa kwaye amaPolisa athi ayazigxeka izenzo zeGBV.
UNkosi uBangizwe Ndabele Mtoto, nosisithethi seAmaXhosa Kingdom kwiKomkhulu laseNqadu, usikhalimele kabukhali esi senzo esithi asamkelekanga kwaye nanini asoze samkeleke ingakumbi sisenziwa yiNkosi.
Amanina eANC kwingingqi yeAmathole athi izenzo zokuhlukunyezwa kwanokuxhatshazwa kwabantwana kwakunye namanina, into eyaziwa ngeGBV, awasoze ayiqwhabele zandla.
UNobhala wala ngingqi uNobathembu Manyika uthi, iyakwamkela ukubanjwa ngokukhawuleza kwale Nkosi ukwaqhwabele izandla amaPolisa. UManyika uthi la manina angamaxhoba adınga inkxaso.
Umbutho weANC eMpuma Koloni uthi esi senzo senzeke kwaWadi 15 sibothusile kwaye asinakuphindeka nanini na kuba asamkelekanga ingakumbi sisenziwa ngumntu omele ukukhusela abantu.
Umrhanelwa uyavela kusasa ngoMvulo phambi koMantyi eXhorha malunga netyala abekwe lona elokubetha.
Related Topics: