INkundla ePhakamileyo yaseMthatha imgwebe ubomi engaphakathi ejele uBongile Makhunga (32) nobekade engaphandle ngengqawule kuba wayegwetyelwe ukubulala awayethandana naye ngo2016.
Ngokwengxelo ephuma kwiNPA, ithi, uMakhunga, ubulele intokazi ebethandana nayo nebingumfundi eIngwe TVET egama linguZihle Cebani.
Oku kwenzeke ngomhla wesibini (2) kuJulayi ka2024, uMakhunga wamema uCebani ekubeni ayolala endlini yakhe, uCebani akavuma kuba esithi unomsebenzi wesikolo axakeke nguwo kobabusuku.
Emva kokungavumi kwakhe, uMakhunga waya ngenkani kwigxamesi lexhoba kumatyotyombe abizwa ngokuba kuseBadibanise kwaBhaca, nawafika waqweqwedisa ixhoba ehamba nalo ngenkani wabe sele elihlaba ngemela ngaphambi kokuba abaleke nalo.
Kobu bomi agwetywe bona uMakhunga kongezwe amashumi amathathu eminyaka ngaphezulu.
Isithethi seNPA uLuxolo Tyali, uthi, uMakhunga waye wabanjwa kwangoko. Uthi uMakhunga waye wawavuma onke amatyala abekwa ona yiNkundla nangona amanye ebewazulisela.
Igqwetha lombuso uChumile Mkentane, uxelele iNkundla ukuba uMakhunga unobungozi akufanelekanga ukuba uhlale phakathi kwabantu, ufanele ukususwa ixesha elide. INkundla iye yavumelana naye wagwetywa.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo, uqhwabele izandla oogxa bakhe nangokukhawulezisa eli tyala kungekapheli neenyanga ezintandathu.
Related Topics: