IPolisakazi uCaptain Ntombekhaya August (49), nokwiOfisi yeCrime Intelligence eMonti uza kubuyela kwakhona kwiNkundla kaMantyi ngomhla wesine (4) kwinyanga yoKwindla emva kokuba kwiveki ephelileyo ethe wakhululwa ngebheyile yeR4000.
UAugust ubanjwe ziiHawks ngomhla we16 kule nyanga yoMqungu, ze wavela ngomhla we22 eMonti apho aye wanikwa ibheyile njengoko kusaqhutyekekwa nophando.
Eli Polisakazi libanjelwe ubuqhophololo nanjengoko libandakanyeka kwimali ebiweyo eqikelelwa kwisigidi seerandi (R1 million) neyathi yathathwa yindoda engaziwayo kwiofisi akuyo eseMonti ngomhla we10 kule nyanga.
Ngokwengxelo ephuma kwiHawks, ithi, ngosuku lwesiganeko, kwangena indoda kwezi ofisi ibanga ngelithi ityelele kuNksz. August. Ingxelo iqhuba ithi, ukungena kwayo le ndoda yafika yakhupha umpu iwukhombe kuAugust yabe imnika ubhaka ongenanto ngaphakathi isithi makafake imali. Le ndoda yaphinda yaphuma ngomnyango ibingene ngawo ixwaye ubhaka ebingene nawo onemali engapha kwesigidi.
OyiNtloko kwiiHawks, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uqhwabele izandla iinzame zeqela lakhe ezokuqinisekisa ngeziphumo ezikhawulezileyo ngeli tyala.
Related Topics: