Ingozi eyenzeke nge19 kweyoMqungu kuN2 kwigophe eliphakathi kweNananga neRhini nesube imiphefumlo emihlanu kuquka nemveku eseneenyanga kuphea izelwe. UMFANEKISO: ECDoT.
Abantu abathe babhubha kwiingozi ezithe zenzeka kweli phondo leMpuma Koloni bayi231 besuka ku168.
ISebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni lithi oku kuyaxhalabisa kwaye liza kuqinisekisa ukuba liza kuzama ngako konke okusemandleni ukutshintsha imeko.
Isithethi seSebe u-Unathi Binqose uthi, iSebe liza kuqula ligangathe ukunqanda iimeko ezinje ezindleleni.
“Sidandatheke kakhulu ngala manani, ngabantu abathe basweleka kwiiveki ezintandathu yinto ebuhlungu kakhulu leyo. Siyayazi ukuba akhona amaPhondo amabini enze kakubi nangakumbi kunathi, kodwa loo nto ayisixolisi nakancinci ngoba siyayazi ezi ngozi zithe zasuba imiphefumlo engaka bezinokuthinteleka,” utshilo uBinqose.
Le ngxelo yamanini ka2024/2025 zeengozi ezenzeke kumaPhondo, yenziwe nguMphathiswa wezoThutho noKhuseleko kuzwelonke, uBarbara Creecy, ngoMvulo ePitoli.
IMpuma Koloni, iKwaZulu Natal kwakunye neFreyistata achazwe njengalawo onyukile kwiingozi zika2024/2025 xa kuthelekiswa nengxelo zamanani ka2023/2024.
Logama amaPhondo amathathu, iMpumalanga, iGauteng kwakunye neNtshona Koloni zichazawe njengalawo athe ehlelwa ngamanani ngo2024/2025.
Ingozi yokugqibela eMpuma Koloni yenzeke ngeCawa esisuka kuyo apho le ngozi ithe yabulala abantu abahlanu (5) kuquka nemveku eseneenyanga ezine kuphela izelwe.
Le ngozi yenzeke kuN2 kwigophe eliphakathi kweNanaga naseRhini apho iimoto ezincinci, iChevrolet Spark kwakunye nePolo zithe zangquzulana ngobuso.
Amanye amaxhoba afumana unyango kwizibhedlele ezisondeleyo. UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko, uXolile Nqatha, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezithe zaphulukana namalungu azo osapho, ekwanqwenelela impilo kwabalwela ubomi babo kwizibhedlele abathunyelwe kuzo.
UNqatha uhlabe ikhwelo kubaqhubi esithi mabahlale bethe qwa ezindleleni ukunqanda ezi ngozi kwaye baqhube ngononophelo.
Related Topics: