Iindaba

Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile

Se-Anne Rall|Published

Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala umntu bajongene nezityholo. Umfanekiso: Shutterstock

Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala umntu bajongene nezityholo. Umfanekiso: Shutterstock

Kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile kwinkundla kamantyi yaseMtubatuba ngomhla wama21 kwinyanga yoMqungu ixhwele laKwaZulu-Natal kunye noonyana balo.

Esi sithathu, ebesibekwe izityholo zokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa, ngoku sijongene nezityholo zokubulala, ukuxhwila kunye nokubetha emva kokuba indoda enama28 ubudala ekutyholwa ukuba bayibetha, ibhubhe ngenxa yokwenzakala kwayo.

Kutyholwa ukuba uKhulekani Ngubane noonyana bakhe ababini uSihle Zungu noMduduzi Ngubane baye kulanda ongasekhoyo uThandazani Mngomezulu emva kokuba ecele uthando kwintombi kaKhulekani.

Ngokwengxelo yamapolisa, uMngomezulu wayenxilile ngelo xesha ethetha kakubi ngoNgubane kule nkosikazi.

“Emva koko uNgubane wathatha oonyana bakhe ababini waya kulanda uMngomezulu kwikhaya lakhe eQwakini eMtubatuba. Kuthiwa esi sithathu sanyanzela uMngomezulu ukuba aye kwikhaya labo nalapho bafike bambophelela emthini ze lo tata wambetha ngomhla we15 kweyoMnga,” sitshilo isithethi samapolisa aseKZN, uColonel Robert Netshiunda.

UNetshiunda uthi uMngomezulu wahlangulwa ngabahlali abacenga ixhwele liyeke ixhoba kuba libethwe ngokwaneleyo.

“Emva kokuchitha iintsuku ezininzi esibhedlele eMpangeni, uMngomezulu wasweleka ngenxa yokwenzakala kwakhe,” woleke ngelitshoyo uNetshiunda.

UNgubane, oneminyaka engama48, noonyana bakhe abaminyaka ingama21 nama24 babanjwe kwaye bavela enkundleni nalapho eli tyala liye lahlehliswa de baphinde bavele.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.