Izihlobo kwakunye nezalamane zosapho lakwaSeti eNcenjana eBityi abadutyulwe babhubha kuLwesihlanu weveki ephelileyo. UMFANEKISO: OTP EC
Limiselwe uLwesithathu weveki ezayo ityala labarhanelwa ababini abajongene namatyala amahlanu okubulala, amabini okuzama ukubulala, ukuqhekeza kwanokubanompu ongenazimpepha emva kokuthi tshe kancinci kwabo enkundleni eBityi ngoLwesine kule veki.
Abarhanelwa nabaphakathi kwama22 ukuya kuma39, nabangachazwa ngamagama ngenjongo njengoko kusaqhutyekekwa nophando, babanjwe ngoLwesibini eMsukweni eBityi.
Esi sibini sadubula sabulala amalungu amahlanu (5) osapho lakwaSeti kwilali yaseNcenjana eBityi nephakathi kwedolophu yaseDutywa noMthatha. Esi sehlo senzeka kurhatya lwangoLwesihlanu emva kwentsimbi yesibhozo kwiveki ephelileyo.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali uthi, omnye wabarhanelwa kwesi sibini uye wathi uzakuzicelela igqwetha labucala, logama omnye ethathe elombuso.
Kwiveki ezayo ngoLwesithathu esi sibini sizakube sifaka isicelo sebheyile.
Amaxhoba ayangcwatywa ngomhla wesibini (2) kwinyanga ezayo uNovemba. Ngutata wekhaya uSiphiwo Seti, 70, unkosikazi wakhe uNowinile, 64, intombi yabo uAlina, 39 kwakunye nabazukulwana uAkhanya, 17 nobesenza uGrade 12 noAzakhe, 13. Omnye wamaxhoba asindileyo usalwela ubomi bakhe esibhedlele apho afumana unyango.