Baza kuchitha ubomi babo ejele ababini, uLloyd King (29) kwakunye noThandobuhle Mdleleni (20), emva kokufunyanwa yiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika echophele eMonti benetyala lokudlwengula owasetyhini (25) nowaneenyanga ezimbini ekhulelwe.
Esi sehlo senzeka ngoMatshi ka2021 eAmalinda, eMonti, kusezinzulwini zobusuku emva kokuba ixhoba lasabela kwisicelo sabantu ababini ababefuna ukugoduswa njengoko eli nina ilelamanye akwishishini leeteksi ezikhwelwa ngobuchwepheshe befowuni (e-hailing).
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi, ekufikeni kwalo ngemoto ixhoba kwesi sicelo sangefowuni, wafika ingamadoda amabini.
Ixhoba labakhwelisa labasa apho babecelela khona – kwindawo ekuhlala uKing eAmalinda, nalapho baye banyanzelisa ixhoba ukuba nalo lohlike lingene ngaphakathi endlini, bafika batshintshiselana belidlwengula.
Ingxelo iqhuba ithi, emva koko baye balikhulula ixhoba ukuya emotweni yalo nelangqala ngqo kwisikhululo samaPolisa esikufutshane siyokuchaza. Ngokukhawuleza kwamaPolisa afika abarhanelwa bese kule ndlu bathathwa bavalelwa.
UTyali uthi ngethuba kuqhuba ityala, esi sibini sathi asinalo ityala bebanga ngelithi bebevumelene nexhoba, nangona nje iGqwetha loMbuso, uSibusiso Mgenge, waveza ubungqina bexhoba.
Ixhoba lalineenyanga ezimbini likhulelwe ngethuba lidlwengulwa sesi sibini, nekulapho ingxelo iqhuba ithi waphulukana nesisu eso emva kweeveki kwenzeke esi sehlo. Obunye ubungqina bavezwa nguGqr. Adeniyi wesibhedlele iCecilia Makiwane, kwanobungqina bamaPolisa.
I-NPA isamkele esi sigwebo. OweNPA, uBarry Madolo, uqhwabele izandla bonke abebezijwile kweli tyala kuquka neqela laseThuthuzela Care Centre (TCC) eMdantsane.