Ngamadoda amabini afike adubula ebulala amalungu osapho olunye amahlanu (5) kwilali yakuNcenjana eMthentu, eMthatha. Ingxelo ithi amalungu osapho ebelele kwizindlu ezimbini ezohlukeneyo. Amadoda angaziwayo aqale ngokudubula abazali abebezilele kurontawuli emva koko baphumela kwenye indlu abafike badubula abantu abathathu kuyo basweleka konzakala ababini.
Ingxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ithi abanye abantwana ababini abasindileyo kolu hlaselo bakwazile ukubaleka bayokuxela kubamelwane ababize amaPolisa. Kwesi sihlanu ngamadoda amabini nabasetyhini abathathu. Abantwana ababini abonzakeleyo bafumana unyango esibhedlele.
Esi sehlo sokubulawa kwabantu abahlanu (5) senzeke ngecala lentsimbi yesibhozo ngorhatya lwayizolo (Lwesihlanu). AmaPolisa aphanda amatyala amahlanu okubulala, namabini okuzama ukubulala. Izikhulu zamaPolisa zibongoza intsebenziswano eluNtwini ukuze kubanjwe ababenzi bobubi.
INkulubaphathiswa yePhondo, uOscar Lubabalo Mabuyane, usikhalimele isenzo esibi esenzeke izolo ebusuku. UMabuyane uvakalise ukungonwabi kwakhe ngethuba ethetha namhlanje emngcwabeni okuQumbu kwilali iGodini - apho kungcwatywe amaxhoba amathandathu (6) adutyulwe kwiveki ezidlulikeyo ese sikolweni elungiselela ukugada imfuyo ebiwayo.
UMabuyane ubongoze uluntu ngelithi malusebenzisane namaPolisa futhi bangafihlwa abenzi bobubi. Uthe abantu abangenantliziyo kanje nabangenabuntu abafanelanga kuphila nabantu.
UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, usigxekile esi senzo emva koko wakhupha iqela labecuphi elinamava. UMene udlulise namazwi ovelwano kusapho olubhujelweyo wanqwenelela impilo entle nabasesibhedlele.