Imbongi yaseMdantsane, uAsiphesona Hewu. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo / Screenshot
Lo ngumbongo ka-Asiphesona Hewu (23) waseMdantsane, eMonti, othi “Mabaye bephila-babuye bephila abantwana esuthwini.” Uthumele le vidiyo kweli phephandaba kuba efuna ukwabelana nabafundi beli phephandaba ngomyalezo wakhe.
Ethetha ngento ephembelele ukuba enze lo mbongo, lo kaHewu uthe, “Esona sizathu siphambili yintlekele esehlela nyaka nonyaka yokubhubha kwamakhwenkwe esapha nomkhwa wamadoda olusa abantwana ngokungekho semthethweni nangaphandle kwemvume yabazali.”
UHewu uyafumaneka kumakhasi onxibelelwano, ungamlandela:
Facebook: Asiphesona Moyakhe Hewu
TikTok: @asiphesona_hewu
Ukuba ungathanda ukuba enze imibongo kwimisitho yakho, tsalela le nombolo 0833790341.
Bukela le vidiyo: