Iindaba

‘Ubulewe yintoni umntwana wethu?’

Abongile Ginya|Published

Inam Malindi (16) obhubhe emva kokutya iitships esikolweni nophelelwe ngamandla xa ebehaga ugxa wakhe. UMFANEKISO: KHULA COMMUNITY DEVELOPMENT PROJECT

Inam Malindi (16) obhubhe emva kokutya iitships esikolweni nophelelwe ngamandla xa ebehaga ugxa wakhe. UMFANEKISO: KHULA COMMUNITY DEVELOPMENT PROJECT

UNozinzile Malindi waseNdakana kwilali yaseDiphini, eNgqamakhwe, nongumama wentwazana egama lingu-Inam (16), engasekhoyo nebhubhe ekuseni ukufika kwayo esikolweni, uthi ibilithemba lakhe uInam kuba ibingumntwana oyintombi asele naye njengoko abanye sele babhubha.

U-Inam nobesenza uGrade10, eJongabantu S.S.S eNcorha, ubhubhe ekuseni ngoMvulo kwiveki ephelileyo. U-Inam kurhaneleka ukuba ubulewe ziitships kuba bafike bathenga iitships kwasekuseni neetshomi zakhe bazitya bonke umntu enezakhe, emva koko uye wayoku ‘haga’ enye yeetshomi zakhe wavele wayoba esekuyo.

Umama wakhe uNozinzile, encokola neli phephandaba uthi uInam ubhubhele esibhedlele emva kokubalekiswa yiNqununu yesikolo sakhe ekubeni afumane uncedo.

UMalindi uthi umntwana wakhe uvuke ekuseni walungisa njengesiqhelo kwaye engabonakalisi zimpawu zakugula xa ehamba wavalelisa njengesiqhelo, nalapho athi lo mama ubengazi ukuba uvalelisa okugqibela emntwaneni wakhe.

“Imibuzo yona ndinayo andifunukuxoka, ukuba umntwana lo wam inoba ubulewe yintoni. Nathi silusapho sixakene nento asazi kuba umntwana umke engumqabaqaba ndingazi ukuba akazukubuya uzabuya sele engabuyeli ndlini. Sibuhlungu kakhulu ibilithemba lam eli. Ndamfumana eneenyanga ezisibhozo (8) emva kokubhubha kukamama wakhe omzalayo lo mntwana, ndazikhulisela ndimkokosa kuba ndineenjongo ngaye,” utshilo uMalindi.

Uthi nangorhatya lwangeCawa bebonwabile engabonakalisi zimpawu zingaqhelekanga, uthi ebenokutsho xa ehlutshwa yinto kuba ibingumntwana othethayo.

UMalindi uthi wafikelwa zezi ndaba kusasa esazingqengqele, ezokuba akhawuleze aleqe esikolweni kuba akaphilanga umntwana wakhe, uthi wabhideka kwaye wanomothuko kuba engafane agule umntwana wakhe.

“Bendicinga ndakonyulwa nguye ekuphumeleleni kwakhe uInam. Bendimkokose kakhulu kuba bendifuna ukuba afikelele apho anqwena ukufikelela,” utshilo uMalindi.

Uthi iziphumo zikagqirha azikafiki malunga neyonanto ibulele umntwana wakhe nangona zona iimpendulo ezingxamele nje. Uthi akanaso isiqinisekiso sokuba ubulewe zitships kuba nabanye kuthiwa babenazo.

Usapho luthi lunethemba lokuba neSebe lezeMfundo eMpuma Koloni luzakulenza uphando. Lukwathi luyafuna ukwazi nalo ukuba ingaba yintoni na ebulele umntwana wabo.

Ikhaya liza kumngcwaba kuMgqibelo esiya kuye uInam eNdakana eDiphini. Eli khaya linawo umbutho kodwa libongoza lowo unokuthi aphose lonto anayo kweli khaya nengathi yenze umohluko.