Ukuqinisekisa ukuba omnye wabantu ekungafanelanga ukuba uhlala nabantu ususiwe ekuhlaleni ixesha elide, iNPA ithe yaqinisekisa ukuba utata (54), owadlwengula unyana wakhe amzalayo oneminyaka esibhozo (8) kuphela ugwetywa ubomi entolongweni yiNkundla yamaTyala yaseNgqushwa.
Le ndoda nengabizwanga ngagama layo ukukhusela ixhoba, ebehlala nalo nyana wakhe kwilalali iMgababa eNgqushwa.
Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali ithi, ngomhla we31 kuMeyi ka2023, ixhoba lalibuya esikolweni emva kwemini, ngethuba utata eliyalela ukuba maliyokulanda iinkuni phandle zokubasa, ze xa ixhoba libuya walibophelela ngetsheyina epalini eyayingaphakathi endlini walidlwengula ngokungenalusini.
Ingxelo iqhuba ithi ukugqiba kwayo le ndoda yamtshixela ngaphakathi endlini unyana wayo. Unyana waye wakwazi ukuziqhawula epalini endlini awayebotshelelwe kuyo ngutata wakhe, wabaleka ukuyokuchaza koomakhelwane okwenzeke kuye kwaye netsheyina lalisekuye ezinyaweni njengobungqina. Umakhelwane wakhawulezisa wabiza abahlali kwabizwa namaPolisa.
UTyali uthi, utata womntwana waye wabanjwa ngosuku olulandelayo, ebanjwa eMotherwell eBhayi kwindlu yesihlobo awayebalekele kuyo emva kweli nyala.
Ngethuba kuqhuba ityala, uMtshutshisi uThobani Matyeni, ubeke ubungqina etafileni bamangqina amathathu kuquka nelexhoba, nobukaGqirha ubungqina.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo. UMadolo uthi umntwana wahlukumezeka nangakumbi ehlukunyezwa ngumzali umntu amthembileyo, ekumele uyamkhusela. Uthi iinkundla zabo maziqinisekise ngenene ukuba abantu abanje bayasuswa ebantwini.