INkulubaphathiswa, uOscar Lubababalo Mabuyane, encokola namalungu eentsapho ziphuma engcwabeni namhlanje. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA.
INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane, ucele abantu ukuba banike amaPolisa aphande unobangela wokubhubha kwabantwana abancinane kwiveki ephelileyo. UMabuyane ukuthethe oku emngcwabeni wabantwana abathathu obubanjelwe St Gregory Hall, kwaNu.5, eMdantsane, namhlanje. Ingxelo ithi abantwana babhubhele kwiKlinikhi yakwaNotyatyambo emva kokuba betye isidudu esithengwe evenkileni.
UMabuyane uthe bakrokrela ukuba ikhona into eyenzekileyo engaqondakaliyo ekufanele iphandwe kakuhle ngamaPolisa. “Kodwa andiqondi ukuba ingqalene ngqo noSpar le inyhikityha. Bangazigwebi futhi bangazonzakalisi. Makuyekelwe emapoliseni enze umsebenzi wawo,” utshilo uMabuyane obengomnye wesihlonipheki zakwaRhulumente engcwabeni.
“Silapha ngesiganeko esingekho lula futhi esingemnandanga. Sizokuniqinisa, sizokunika umfutho wethemba nothando. Esi sisilonda esakuthi sithathe ixesha ukuze siphole.”
Abantwana abaswelekileyo: nguLithembelihle Bambela (4), Iminathi (1), uBambela noLinomtha Live Ndudane (1). UKholeka Mvandaba othethele usapho lakwaNdudane (nongudade bomakhulu kaLive) uthe xa uzala umntwana ubanenjongo nethemba lokuba ikhona into eza kuzuzeka ekhayeni enjengokukhula komnombo.
Uthe isehlo sibashiye bedanile. Okwenza kube buhlungu kukuba kusweleke abantwana bebancinane. Yena uZandisile Fuba othethele ikhaya lakwaBambela uthe akumnandanga ngoba xa ukhulisa abantwana sube ujonge ukuba babe zizinto futhi ungcwatywe ngabo wena mzali.
“Besisababuka abazukulwana bezimveku. Akumnandanga, futhi okwenza kungabimnandi ngakumbi kukuba kunyaka iphelileyo singcwabe umakhulu wabo, ngoku ngabo.” UCeba wendawo, uClaudia Stemele, uthe uyicelela imithandazo iwadi yakhe ngoba ukufa kuqatsele.
UMabuyane uvale ngelithi imvuselelo yomthandazo yona iyadingeka ngoba amadoda ajike azizilwanyana. Intetho yakhe ichaphazele isehlo saseNgobozana, eLusikisiki - apho kubulewe abantu abayi18, uninzi ingoomama.
USomashishini ofake isandla, uMandla Phakamile Makinana weMakinana Funerals, waleke umsundulo ngelithi ngenene iwadi idinga umthandazo ngoba kudala engcwaba kuyo. Uthe wonke umsebenzi awenzayo xa encedisa abo bangathathintweni kukulandela kwinyawo zikaNelson Mandela kwanokuncedisana noMabuyane. UMakinana uthembise ngokutyelela iintsapho ezilahlekelwe ngabantwana ngoLwesithathi kwiveki.