Isithethi saseBuffalo City Metro, uSamkelo Ngwenya, sithi ukubhubha kwaba bantwana akothusanga Mdantsane kuphela, kothuse iPhondo lonke leMpuma Koloni.
Abantwana nguLithembelihle Bambela (4), Iminathi Bambela (1) kunye noLive Ndudane (1). Babhubhe kwiveki ephelileyo emva kokuba bethe batya isidudu esingaphekwayo ebesithengwe kwivenkile yakwaSpar.
Inkonzo yomngcwabo iza kuqala kusasa ngentsimbi yethoba eSt Gregory Church, kwaNU2, eMdantsane. UNgwenya uthi owesine (4) umntana naye owatya isidudu usalwela ubomi bakhe esibhedlele apho afumana khona unyango.
USodolophu waseBuffalo City Metro, uPrinces Faku, uququzelele inkxaso ukuze amaxhoba angcwatywe ngesidima.
“Kumaxesha anzima nje ngeli, kufuneka sisondelelane sincede abo badingayo. Ungenelelo kwanoncedo olwenziwe ngoosomashishini kwakuthi kwenzeka utshintsho kaye kwenze nokuba kubelula kwiintsapho zamaxhoba. Amakhaya la sithandazisana nawo.”
Enye yeevenkile esele inethuba eMdantsane nedume ngokunceda uluntu nengachazwanga ngegama yiBCM, inikele kangangoko ukuncedisa kumngcwabo wamaxhoba naxa sele kudlule umngcwabo.
USomashishini owaziwayo iMakinana Funerals izakube iyiyo eqhuba lomngcwabo mahala ukuqala kwiibhokisi nakwiimoto.
UMlawuli weMakinana Funerals uMandla Phakamile Makinana uthi, zange kubemnandi ukuva ezindaba ezondaba ngoSodolophu, kungoko waye waqinisekisa ukuba uzakuzinceda ezintsapho.
IKhula Community Project EC, nekhokelwa nguPetros Majola sele ityelele kwezi ntsapho. UMajola ukuqinisekisile ukuba ivenkile uSpar wazisusa ngokukhawuleza ezi mveliso zesidudu nezazivela kwilizwe laseNamibia.