Imoto eyayiqhutywa ligosa eliphezulu lesebe lezempilo. Umfanekiso: Uthunyelwe
Babini (2) abantu abathe babhubha emva kwemini ngoLwesine kwiingozi ezohlukeneyo eMpuma Koloni nekuquka kwenye yazo iGosa eliphezulu leSebe lezeMpilo.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni u-Unathi Binqose, eyokuqala ingozi yenzeke kuhola wendlela uN2 ngaphandle kwaseMthatha.
Uthi kule ngozi kuye kwabhubha umntu wamnye nobengumqhubi wemoto encinci ze konzakala abasibhozo (8) nabebekwiteksi.
UBinqose uthi, le moto incinci eluhlobo lweVW ibidlula iteksi ebilayishe abantu nalapho ziye zangquzulana ngomphambili umqhubi wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.
Kweyesibini ingozi nayo eyenzeke emveni kwemini ngoLwesine, kubhubhe iGosa eliphezulu kwingozi eyenzeke kwindlela uN6 ngaphandle kwaseKomani xa ujonge eJames Calata.
UBinqose uthi eli Gosa belihamba lodwa ngeBakkie ngethuba ingquzulana neloli encinci, umqhubi weloli usindile oweBakkie wabhubha kwindawo leyo yexhwayelo.