Iindaba

Obehamb’ edlwengula eMpuma Koloni ubhaqwe ngobungqina bencindi!

Tauriq Hassen|Published

Obengena minyaka itheni koko edlwengula kwamntu ubhinqileyo ambonayo ugwetywe ubomi yiNkundla ePhakamileyo yaseMzantsi Afrika nebichotshelwe eBhisho emva kokuba kuthe kwafunyanwa ukuba incindi yakhe yovavanyo (DNA) ifumaneka kumaxhoba amaninzi.

Lowo ugwetyiweyo nguSipho “Mahlathini” Mjuza (49) nogwetywe ubomi ngaphezulu yabayiminyaka engama23 eyokuqhekeza emizini yabantu kule minyaka isixhenxe ehlukumeza ababhinqileyo emizini yabo nakumakahaya abo.

Amaxhoba kaMahlathini ebephakathi kweminyaka eli15 ukuya kuma80. Ixhegwazana elina80 nelilelinye lamaxhoba akhe khange likwazi ukuya ezinkundleni kuba lilidala kwaye linesifo sobudala idementia ukutsho.

Ngokwengxelo yesithethi seNPA uLuxolo Tyali, ithi, uMahlathini ebesenza esi senzo senkohlakalo sokudlwengula abantu kwiidolophu ezohlukeneyo zaseMpuma Koloni ezifana neRhini, Bhisho, Zwelitsha kwakunye noCentane.

Ingxelo ithi kuzo zonke ezi ziganeko amaxhoba ebengakwazi ukumchaza umrhanelwa nanjengoko ebengaziwa.

UTyali uthi uMahlathini ubhaqwe kwisenzo esohlukileyo esokuqhekeza kuDisemba ka2015 kumzi othile.

UTyali uthi uMahlathini ukwenze oku phakathi konyaka ka2008 ukuya ku2015 apho ebeye afike ahlasele amanina ingakumbi ahlala wodwa.

Ngethuba kuqhuba ityala, uMahlathini waliphika ityala wathi ungumntu onesifo sokulibala ingakumbi xa enxilile.

IGqwetha loMbuso uNocwaka Tokota kubungqina bakhe wakwazi ukubonisa iNkundla ukuba uMahlathini unetyala.