UOyena Dingela. Umfanekiso: Uthunyelwe
UOyena Dingela (2) nobhubhe emva kokuba ethe watshiswa ngumama (41) wakhe kwiveki ephelileyo, ungcwatywe kwilali iCrossroad eNgqushwa ngoMvulo.
Ingxelo ithi umama lo wabiza umntwana ngokuba ligqwirha emkhaba embhuqa phantsi phambi kokuba abize ona7 umntwana wakhe ekubeni eze neparafini nomatshisi atshise ‘igqwirha.’
Umngcwabo uqhutywe likhaya labangcwabi iMakinana Funeral Services mahala emva kokuba libone imeko embi kwikhaya likaOyena.
Umbutho ojongene nokulwela amalungelo amanina kwakunye nabantwana, iKhula Community Project EC, nayo ibikwelikhaya izokuzimasa lo mngcwabo wale nkwenkwana ebulewe ngunina wayo.
Umama ungaphakathi eziseleni kwaye ebevele ngoLwesithathu kule veki kwiNkundla yamaTyala eNgqushwa.