Intatheli yeSolezwe lesiXhosa uSiyabulela Mqikela opapashe incwadi yakhe yokuqala yesiXhosa. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Inkunz’ isematholeni, eso sisihloko sencwadi yesiXhosa ebhalwe yintatheli yeli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, uSiyabulela Mqikela, nathi intsingiselo yesi sihloko ithetha ukuba ikamva lelizwe likulutsha, iinkunzi zangomso zikulutsha.
“Xa ndithetha ngeenkunzi ndixela iinkokeli zangomso. Le ncwadi ngaphakathi kuninzi ekuqulathileyo, ixoxa kabanzi ngeengxaki zokuthengiswa kweziyobisi, kwaye ithethe nangeengxaki zempatho gadalala eyaziwa ngokuba yiGBV nethi ikhokele kwiziyobisi okanye ibangelwe kwaziziyobisi.
“Lulutsha oluxhatshazwa kakhulu ziziyobisi kumanqanaba onke entlalo. Ikwalulutsha esijonge ukuba ibeziinkokheli zangomso,” utshilo uMqikela.
Uqhube wathi enye yenjongo yakhe yokubhala le ncwadi ikwakukwenza igalelo kumalinge okugcina isiXhosa sibhaliwe.
UMqikela noyinzalelwana yaseMtsheko eLady Frere eMpuma Koloni, le yincwadi yakhe yokuqala, nento athi kufezeke iphupho kuye kuba kwakukudala eyinqwenela incwadi ebhalwe nguye. Uthi kudala wazazi ukuba incwadi yona uzakubanayo kwaye uzakuyibhala, koko angathi bekungekafiki ixesha.
OkaMqikela uthi wathundezeka kakhulu xa bekufika eli phephandaba ngo2015 wabe ebhala ngamabali esiXhosa yonke imihla nathi waye ukhula nomdla kuye nangakumbi.
Uqhube wathi, akukhonto ayigxekayo ngesiNgesi kuba into isemntwini, uthi okubalulekileyo kukuba umntu, umntwana, ayazi ingcambu yakhe kwaye azazi ukuba ungubani.
UMqikela ungumyeni kwaye abengutata kubantwana bakhe abathathu. Ungumbhali weli phephanda kwimicimbi yeeNkosi, ezolimo ekwanguye inkokeli yeprojekthi yephephandaba iEntsimini.
Le ncwadi iyafumaneka ngeR200 xa iposiwe, xa uyithatha esandleni kumbhali wayo yiR150.
Kumakhasi onxibelelwano ungamkhangela, uyafumaneka xa ufuna incwadi. Incwadi kuninzi ekuqulathileyo ngaphakathi.