Iindaba

Lucela uncedo usapho olutshelwe yindlu kwabhubha abazukulwana!

Abongile Ginya|Published

Le yindlu yosapho lakwaSoga eBongweni eMthatha nebingekagqitywa ukwakhiwa besahlala kwityotyombe ebelisecaleni kwendlu nelitshe laphela kukho nabantwana ababini kulo uAyalulo (4) noLisakhanya (1).

Le yindlu yosapho lakwaSoga eBongweni eMthatha nebingekagqitywa ukwakhiwa besahlala kwityotyombe ebelisecaleni kwendlu nelitshe laphela kukho nabantwana ababini kulo uAyalulo (4) noLisakhanya (1).

Usapho lakwaSoga eBhongweni, eMthatha, olutshelwe ngabantwana de abakwazi nokufaniseka, nabaselula kakhulu ngokweminyaka, lucela amalizo kuye nabani na onokulunceda kugqityezelwe indlu ebisakhiwa kweli khaya.

Usapho luthi esi sehlo sehle lungalindelanga kwaye kungekho namnye umntu ophangelayo kuba kwale bebesakha ngayo imali ibingamatiletile emizamo.

Oku kuza emva kokuba abantwana ababini uLisakhanya Soga ononyaka omnye (1) nobeyintombazana, ekunye nobhuti wakhe uAyalulo Soga (4) batshe babhubha ngoMgqibelo emva kwentsimbi yesibhozo ngethuba umama wabo onamashumi amabini (20) wayesaphumile ebashiye bodwa eyokuthenga ikhandlela kwivenkile ekufutshane.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi umama wabantwana wathi xa ebuya evenkileni labe ityotyombe sele lidwanguza umlilo, kwaye abantwana bengaphakathi. AmaPolisa afika abantwana sele bebhubhile kwaye sele kukubi.

UCaptain Matyolo uthi, iqwakuqwaku livuliwe kwisikhululo samaPolisa eNgangelizwe kwaye kuyaqhutywa nophando nanjengoko unobangela womlilo ungekaziwa.

UMonica Kiviet nongumakhulu wabantwana encokola neli phephandaba uthe bacela uncedo nokuba ngeefesitile kwanesamete ukuze kusanyentwe indlu nenamagumbi amabini ebebeyakha ingekagqitywa njengoko kungekho mntu uphangelayo.

"Sicela uncedo ngazo zonke indlela esinokuthi sincedakale ngazo. Indlu yile kuzokufikelwa kuyo ngabantu yile ingekagqitywa nayo. Uforenzikhi ugqibile noqhaqho yonke into igqityiwe bekuthiwe singalubeka usuku lokungcwaba, kodwa asikwazi ukulubeka kuba asinandawo kwaye nomama wabantwana ebengenawo umbutho. "

UKiviet uthi abantwana bebengekabinazo izatifikethi zesiqinisekiso sokuzalwa ibirth ngamanye, kwaye nomama wabantwana (20), naye ebengekabinayo neID ebesenesetifikethi sesiqinisekiso sokuzalwa kuphela.

UKiviet uthi kwaMasipala kucelwe ileta ezintathu ekaCeba, eyekhaya kwaneyeNkosi xa bebeyokucela amalizo okuba bazanyelwe indlu yethutyana, nabaye bathenjiswa ngokuncedeka. Nangona kunjalo uthi amalizo basawadinga ngamadla kuba abayazi bakudibanisa ntoni nantoni. Usuku lomngcwabo abakalubeki kuba bengekazi bakulufumanaphi uncedo.