Iindaba

Kubhubhe abantu ababini abanye bonzakala kungquzulwano loonoteksi!

Abongile Ginya|Published

NgoLwesine kumbindi wedolophu yaseMthatha eSutherland apho iiteksi zilayisha khona, kuqhambuke udubulwano kusasa. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

NgoLwesine kumbindi wedolophu yaseMthatha eSutherland apho iiteksi zilayisha khona, kuqhambuke udubulwano kusasa. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

AmaPolisa aseMpuma Koloni aphanda ngetyala lokubulala kwanelokuzama ukubulala, oku kuza emva kokuba kudutyulwe abantu ababini konzakala abalishumi elinesibini (12), ngethuba longquzulwano phakathi koonoteksi.

Olu ngquzulwano lwenzeke kumajikojiko akuR396 eNtyweka phakathi kwedolophu yakuTsolo neyaseMaclear apho iimoto ezimbini neziluhlobo lweToyota Fortuner zidutyulwe ngabantu abangaziwayo. Kwenye iFortuner kubhubhe umntu wamnye kwangoko, omnye kuvakala ukuba ubhubhe esesibhedlele emva kokuyokungeniswa ngabaphathi beeteksi.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu ithi, oku kwenzeke izolo, uLwesithathu, ngezithuba zentsimbi yesihlanu emva kwemini.

Kusenjalo, namhlanje uLwesine, kumbindi wedolophu yaseMthatha kwisitalato iSutherland kude kufuphi negaraji ema iiteksi ezilayishayo nezothulayo kuvuke udubulwano apho konzakele abasithandathu (6).

Kuphandwa ngelinye ityala lokuzama ukubulawa kwabantu abathandathu (6).

Kwinyanga ephelileyo uEpreli, iSebe lezoThutho kwanoKhuseleko eMpuma Koloni, belibambe indibano kwakunye nemibutho yoonoteksi baseMpuma Koloni ngeenzame zokuza nesisombululo sale nyewe yokubulalana phakathi kwabo. Kule ndibano abaqhubi beeteksi batyikitya phantsi isivumelwano soxolelwano.

UMphathiswa uXolile Nqatha usikhalimele esi senzo senzeke kule veki. Esithi ezi zizenzo eziphazamisa ngolonahlobo, izenzo ezingathi ukuba zinganganqandwa zingachaphazela inqwaba yabantu abangenatyala nabaxhomekeke kwizithuthi zika wonke-wonke umhla nezolo.

“Ukuba ezi zenzo kufumaniseke ukuba zinyhasha isivumelwano soxolo ebesityikitywe kwinyanga ephelileyo, iSebe lezoThutho lizokucinga kabini kathathu ukwenza ekufanele likwenzile,” utshilo uNqatha.

Ityala livuliwe kwaye amaPolisa aqhuba uphando ngetyala lokubulawa kwabantu ababini (2) nelokuzama ukubulawa kwabantu abalishumi elinesibini (12).

ULieutenant General Nomthetheleli Mene ukukhalimele oku ekwabongoza abemibutho yeeteksi ekubeni badibane ngokukhawuleza ukuza nesisombululo.

UMene uthi umlo ayisosisombululo kwaye bazokongeza inani lokuxhaphaka kwamaPolisa kula mmandla.