Ubuyela kwiNkundla yamaTyala kusasa namhlanje eMiddleburg obesebenza njengePolisa lesingxongxo, ireservist ngelasemzini, emva kokuba wathi wabanjwa ebanjelwa ukuqhubekeka nobuqhophololo bokufuna ngenkani izinyobo ebantwini.
Eli Polisa (50), liqale lo mkhwa wokufuna izinyobo ebantwini ekuqaleni konyaka ka2024.
UCaptain Namhla Mdleleni uthi, wayedla ngokufuna imali kwabo bavalelwe eziseleni esithi uzakuqinisekisa ukuba bayayifumana ibheyile.
UMdleleni uthi, kwezinye izehlo ebezenza igosa lezendlela athembise abaqhubi abanezohlwayo ukuba angawacima ngokukhawuleza amatyala abo xa benokuhlawula imali ethile.
Ingxelo iqhuba ithi lo mrhanelwa ebeye azitshintshatshintshe amagama amane esebenzisa amagama omgunyathi angengowakhe xa esenza obu buqhophololo.
Imali engangeR20 000 ebesele eyifumene kumaxhoba akhe orhwaphilizo kwaye ebewayalela ukuba ayifake evenkileni xa bebhatala bangayifaki ebhankini.
Amatyala ajongene nawo athe avulwa ngakuye mahlanu (5) kwaye ayaphandwa.
Lo mrhanelwa uvelile ngoMvulo kwiveki ephelileyo kwiNkundla yaseMiddleburg akanikwa bheyile washiyeka ngaphakathi eziseleni ezakuvela namhlanje ngoMvulo.
Uza kwenza isicelo sebheyile ngoMvulo.