USiyanda Brian Sobetwa (41) waseMandela Park kwidolophu yaseMthatha ugwetywe izihlandlo ezibini zobomi, kunye neminyaka engamashumi amabini (20) eyongezelelweyo entolongweni. Oku kuza emva kokuba iNkundla yeNgingqi yamaTyala yaseMthatha ithe yamfumana enetyala lokunukuneza nokudlwengula abantwana ababini abangamantombazana benkosikazi ebethandana nayo.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi, uSobetwa ebehlala nesithandwa sakhe kwakunye nomntwana waso oyintombazana oneminyaka eyi9 kuphela, beqashile igumbi elinye eMandela Park, nekulapho uSobetwa ebemane enukuneza ixhoba xa beshiyeke bobabini umama walo ephangele.
Iqhuba ithi, esi sithathu siqale ukuhlalisana ngo2014 nekulapho le ndoda yaqala khona ukumane inukuneza ixhoba, oku kwaqhubekeka de yabangu2018 xa uSobetwa eqonda ukuba ixhoba lidala kufikelele ixesha lokuba alidlwengule. Emva koko waye walidlwengula emana ukuligrogrisa ngelithi lingathethi nto kunina walo kungenjalo uzakulibulala.
Ingxelo iqhube yathi, ngexesha leCovid-19 ngo2020, elinye ixhoba lale ndoda eneminyaka eyi13 ubudala yatyelela unina kunye nodadewabo kule ndlu naye owaba lixhoba lokudlwengulwa nguSobetwa. Ixhoba laliyele iiholide zikaDisemba.
Ngo2023, uSobetwa waye wachazwa ngabantwana kunina, nowathi umama wamaxhoba wakhawuleza waya kuvula ityala. Umrhanelwa ubanjwe ngoko nangoko kwaye akazange ayifumane ibheyile de wagwetywa ngoMvulo wale veki.
UMkomishinala weSithili saseO.R.Tambo uMajor General Pumzile Cetyana usamkele esi sigwebo watsho eqhwabela izandla uDetective Sergeant Matolonke Danisa obephanda eli tyala, nothe waqinisekisa ukuba ingalo yomthetho iyabalwela amaxhoba.
UCetyana uthi esi sigwebo siza kuba sisifundo nakwabanye abaninzi abenza le mikhuba.