Ingozi eyenzeke kuR58 eye yasuba imiphefumlo yabahlanu. UMFANEKISO: DoT
Bahlanu (5) abantu ababhubhe kwingozi eyenzeke ngentsasa yanamhlanje kwindlela uR58 phakathi kwedolophu yase-Engcobo nase-Elliot.
Ngokwengxelo ephuma kwiSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, ithi, le ngozi yenzeke ngakwisiphambuka iSatans Nek ngecala emva kwentsimbi yesibhozo kusasa, ngethuba umqhubi wemoto yohlobo lweMinibus Sprinter ephulukana nolawulo.
Le moto ibisuka eRustenburg iyokothula kwidolophu yaseMthatha. Ngaphakathi ibilayishe abantu abayi14, konzakele abayi9 ngokumasikizi ze kwabhubha abahlanu (5).
Kwesi sihlanu sibhubhileyo ngababhinqileyo abathathu (3) wamnye (1) oyindoda kwakunye nemveku eseneenyanga ezimbini (2) kuphela izelwe.
Umqhubi weMinibus ukwabo basindileyo.
Othethela eli Sebe u-Unathi Binqose uthi, amaxhoba abalekiselwe kwezi zibhedlele: eAll Saints abanye eMthatha General abanye eNelson Mandela Academic.
Ityala livuliwe kwisikhululo sase-Engcobo.