UAyanda Mdledle (usihlalo), Thembinkosi Nxawe (usekela), Mhlupheki Namba (unobhala), Zandile Maholwana (usekela nobhala), Ntombizanana Nyembezi (unongxowa), Siviwe Mangcu, Okuhle Mdodana noNtombesine Ndabeni usihlalo wesigqeba sesebe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Iilali zaseNcerha, Tsholomnqa nooSunny Side zakuyazi kakuhle indawo ekuthiwa yiKidd’s Beach elele kumgama ongangeekhilomitha ezingamashumi amathathu (30km) ukusuka eMonti.
Abantu abasuka kwiilali eziyingqongileyo sebesiya kuyo ngokuyokuthenga ukutya okufumaneka ngamaxabiso afikelelekayo kudederhu lweevenkile esele ziphaya. Nangona kunjalo, asekhona amathuba okuyiphucula nangakumbi le ndawo yaseKidd’s Beach.
Usihlalo omtsha weli setyana leANC eKidd's Beach, uAyanda Mdledle, ethetha neli phephandaba uthe banethemba lokuba kuphuhliso olwenzekayo bazakude bakhelwe nesibedlele kule ndawo nento enokuthi iveze amathuba engqesho.
“Sinethemba lokuba kwakude kwakhiwe isibhedlele apha eKidd’s Beach, sinawo nomnqweno wokude sibone kuvulwa iiofisi zezi nkampani zabucala apha ukuze abantu bakwazi ukusebenza kufuphi namakhaya, kwaye kuvele namanye amathuba engqesho kwalapha kufuphi,” utshilo uMdledle.
Lo kaMdledle uthethe neSolezwe emva kwendibano yolonyulo lwabo kwiholo labahlali ngeCawe umhla wesithathu kule nyanga kaMatshi.
Kule ndibano bekukho ikomiti yesigqeba sesebe, ethe yabelana ngolwazi kwakunye nomgaqo-siseko weANC kubahlali nala malungu matsha eli sebe lincinane (sub-branch) laseKidd’s Beach.
Esi sigqeba sikaWadi 31 sikwaphawule ngokubaluleka kokuqinisekisa ukuba amanina ayafakwa nawo kulawulo kwaye nezwi lawo liyaphulaphulwa.
“Eyona nto siyivuyelayo kukuba sakutsho sikwazi ukuthatha inxaxheba ngqo kwiiRoadshow zesicwangciso sophuhliso esihlanganisiweyo (IDP) singabahlali balapha.
“Sakutsho sikwazi nokufumana indlebe kaceba walapha kuWadi 31, sikwazi nokuziququzelela iindibano. Sakukwazi nokuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zokuphuhlisa le ndawo,” uqhube watsho uMdledle osele eneminyaka esibhozo ehlala eKidd’s Beach.
Uceba kaWadi 31, uBonakele Bangani, ozinze eSunny South ekufuphi neKidd’s Beach yena wongeze ngelithi, “Siyayivuyela kakhulu le nto yokuba kusekwe eli setyana apha eKidd’s Beach ngoba izakubangela ukuba uluvo lwabahlali sikwazi ukulufumana kakuhle. Nam ndakutsho ndibenayo nendlela yokunxulumana nabhahlali balapha lula ngeli setyana.”
Ukanti nomhlali obezimase le ndibano yangeCawe uphawule wenjenje: “Njengokuba sinesetyana leANC elitsha apha sakutsho sikwazi ukuthetha noceba ngqo kwaye akwazi ukugqithisa iingxaki zethu kurhulumente. Sakutsho sikwazi nokuphakamisa izinto ezintsha ngokwethu.”
Indawo yaseKidd’s Beach yaqalwa pha ngonyaka ka-1870, ilihlathi nje ekwakuye kufikelwe kulo ngoonyawontle noondlebe-zikhany’ ilanga. Apho ke babeye baseke iintente kwakunye namatyotyombe wabo.
Yayikade isaziwa njengeShone Beach igama layo, ithiywe emva konovenkile onguWillie Shone ngoko. Yahamba yaphinda yathiywa ngegama likaMnu Kidd. Yayikade iyindawana nje yokufikela nokuya elwandle, kusenziwa namatheko eKrismesi kuyo.
Namhlanje iKidd’s Beach sele iphuhla mpela kwaye kwakhiwa iindawo zokuhlala ezintsha ngabakwaMission Holding Group (MHG), kukwakho nezikolo ezimbini, ithala leencwadi, isikhululo samapolisa, iiCawe ezintathu nodederhu lweevenkile.
Apha kukwakho nolwandle likanokutsho elithandwa nguwonkewonke neligcwala qhu ngexesha leziyunguma ngoDesemba, kukwakho nendawana ekhuselekileyo yokudada abantwana kwakolulwandle iKidd’s beach. Kukwalungiswa nendlela engenayo kule dolophana.