USibusiso Molefe (37) waseSada okhulisa iMpuma Koloni ngokwenkcubeko nolonwabo. UMFANEKISO: FACEBOOK
Ukucula, ukudanisa, ukuxhentsa, ukulingisa eqongeni, ukuzoba kwanokubumba zizinto ezithi zipholise ingqondo kwanentliziyo.
Umsunguli weC tutor J Foundation nokwalitshantliziyo kwezenkcubeko uSibusiso Molefe (37) waseSada, uthi ukwiphulo lokukhulisa iMpuma Koloni kwanokukhuthaza ulutsha olunomdla kwezobugcisa njengoko esithi abazali basalibona eli candelo njengelilibazisayo kwaye elingangenisi nzuzo ekhayeni.
UMolefe uthi ungomnye wabo bangazange bafumane nkxaso ingako ekhaya ngethuba wayefuna ukulandela izifundo zobugcisa kungoko wasungula le Foundation. Uthi injongo yayo kukuncedisana nabanomdla kwezobugcisa kuba italente yona ifele emakhaya.
“Andibafundisi abantu ubugcisa kodwa ndiyabancedisa ngokuthi ndibanqkonkqozise kwiminyango abanokufumana kuyo uncedo. Umzekelo, sele ndinabantu abaphumelele kumakhuphiswano aqhutywa ziinkampani ezinkulu ngoncedo lwam.
“Okubangela ukuba ndenze oku kukuba ndiyayazi intsokolo endajongana nayo ngethuba ndizama ukulandela iphupha lam lokuba kweli candelo, bekunzima kakhulu ndingazi nokuba mandinkqonkqoze kweyiphi na iminyango.
“Kwaye ndikwafuna nabazali balijonge ngelinye iliso eli candelo, isuke lanto yokuba ukuze ube usebenza into ebhadlileyo ibangutitshala okanye ipolisa,” utshilo uMolefe.
UMolefe kuninzi akwenzayo eSada ezama ukuziphuhlisa kwanokuphuhlisa ulutsha lwalo mmandla, sele evela kumazwe apheseya kwezilwandle eyokumela eli lizwe loMzantsi Afrika kwindibano eyayinjongo ikukuphuhlisa amagcisa ehlabathi.
Kwaye sele ekhe wathabatha inxaxheba amatyeli amaninzi kwiGrahamstown Art Festival, sele ekhe wasebenzisana kakhulu nayo neSABC kwicala lamabali esiXhosa.
UMolefe uthi waya kufunda kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMonti kunyaka wakhe wokuqala kodwa woyisakala phakathi kuba yayingengomkhondo awayewunqwenela ebomini bakhe.
UMolefe ukwacela inkxaso nakubani na onokuthi alule isandla nanjengoko elindele ukwakha indawo eza kuba liziko lakhe apho izakuba yeyolutsha iphuhlise ulutsha lwaseSada neziphaluka kwezenkcubeko.
UMolefe uthi amaphupha ona akhona kubantwana abamnyama kweli candelo koko batyhafiswa kukungabikho kweendawo kwanamaziko.