UAyanda Kota. UMFANEKISO: FACEBOOK
Lunyembezana uluntu eMakhanda neziphaluka kukushiywa ngobe litshantliziyo lezoPolitiko namalungelo oluntu uAyanda Kota.
Iindaba zokubhubha kukaKota zivakale emva kwemini izolo uLwesine, emva kokuhlaselwa sisifo somhlaza ngokukhawuleza. UKota ebesele esesibhedlele apho ebelwela ubomi bakhe.
Oogxa bakhe kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo bebesaqala iphulo lokuba axhaswe okaKota ngezimali ukuze akwazi ukufumana unyango olukhawulezileyo besenza iinzame zokumhlangula.
OkaKota uyakukhunjulwa ngokudlala indima enkulu elwela utshintsho eMakhanda.
Ibingumntu obeququzelela ekubeni ulutsha luthabathe inxaxheba ukulwa urhwaphilizo kuMasipala.
UKota ebekwayiyo nenye yeenkokheli zombutho ozimeleyo abawusekayo eRhini iUnemployed People’s Movement (UPM).
Oogxa bakhe awayekhula nabo nakhule nabo kwezoPolitiko baxhalabile kukushiywa ngokaKota.
Lo uzalwe ngonyaka ka1976 kwisixeko esingcwele iRhini