Imoto ebikhwele abafundi kwakunye nomqhubi nabasinde bonke. UMFANEKISO: DoT
ISebe lezoThutho eMpuma Koloni lidize ukuba akukho namnye umfundi ophulukene nobomi bakhe kuquka nomqhubi ngethuba imoto yabo ibiphulukana nolawulo yabhukuqa.
Ngokwengxelo kaUnathi Binqose nosisithethi seli Sebe, ithi, abafundi balishumi elinesine (14). Aba bafundi bebesuka eGqeberha besiya eKnysna beyokudlala ngethuba umqhubi ephulukana nolawulo kuhola wendlela uN2 kude kufuphi naseHumansdorp.
Abafundi bafumene imikrwelwana emzimbeni kwaye bafumana unyango kwisibhedlela esikufutshane.
UMphathiswa wezoThutho kwiphondo leMpuma Koloni uXolile Nqata ubongoza abaqhubi baqhube ngononophelo njengoko nemoyezulu ingentlanga phandle.