Abafundi baseMzokhanyo High School nebingabanye ebebekwingxoxo-mpikiswano eBCC eMonti. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Ukunyuka kwamaxabiso okutya kuquka namafutha emoto ipetroli ukutsho, yenye yezinto ezingundaba mlonyeni kweli loMzantsi Afrika. Oku kubangele ukuba umbutho iCommunity Action Africa (CAA) udibanise abafundi bezikolo eziphakamileyo zaseMonti, neziye zabalishumi elinesibini (12) apho ziye zaba nengxoxo-mpikiswano ngezi ngxaki, kwanoko bacinga ukuba ingabasisisombululo kuzo.
Ingxoxo-mpikiswano le ibibanjelwe eBuffalo City College eMonti, nalapho bezikhangela into enokuthi ibesisisombululo kwiingxaki uluntu olujongene nayo umhla nezolo yokonyuka kwamaxabiso okutya okufana namazambana, amaqanda kwakunye neswekile.
Lo ngunyaka wesixhenxe iCAA iqhuba neli phulo. Injongo yayo kukuphuhlisa, ukufundisa kwanokuqhelanisa abafundi bezikolo zasezilokishini ukuba seqongeni, umfundi athethe phaqa.
UProject Manager weCAA, uSivuyisiwe Qangaqa uthi kweli ityeli baye babandakanya nabafundi abaphuma kwizikolo zabamhlophe, ngeenjongo zokuba kufunde nabaphuma kwizikolo zabantwana abaNtsundu ngokuzithemba njengoko besenalo uloyiko lokuma eqongeni bathethe esidlangalaleni.
Uthi aba bafundi kuninzi abakufundayo phakathi kwakubo, ayikokukhwela qongeni qha nezinye izinto eziye zibakhe kwaye zibakhuthaze.
Ezi zikolo beziyinxalenye yiFuniwe S.S.S, Hudson Park, Selborne College, Centre of Excellence, Step Ahead Preparatory, Lumko High School, George Randall High School, John Bisseker, Cannan Academy, Lingelethu High School, Eden High School kwakunye neSophathisane High School.
UQangaqa uthi iCAA ikwaqhuba nezifundo zasemva kwemini rhoqo phakathi evekini.