Inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala eyenza uGrade 6 ibanjwe ngentseni yangoLwesihlanu emva kokuba idubule inqununu yayo kwisikolo samabanga aphantsi iPrimrose eGoli.
Isithethi samapolisa aseGauteng, uColonel Dimakatso Nevhuhulwi, uthi inqununu eneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala sele isiwe kwisibhedlele esikufutshane.
“Into ekhokelele ekudutyulweni kwale nqununu ayikaziwa okwangoku, nanjengoko amapolisa eqalise uphando lokujonga ukuba uvela phi lo mpu uthinjwe ngamapolisa,” utshilo uNevhuhulwi.
“Le nkwenkwana kulindeleke ukuba ivele phambi kweNkundla kaMantyi eGermiston kungekudala, ngetyala lokuzama ukubulala.”
Isithethi sesebe lezemfundo eGauteng uSteve Mabona uvakalise unxunguphalo emva kwesi sehlo esithi isebe lithumele abantu bayokunika uncedo ngokwasengqondweni kwesi sikolo.
Eli nqaku liqale lavela kwi-IOL.