Iindaba

UMama ubhaqwe sele eqinile engenakugobeka amanye amalungu omzimba!

Abongile Ginya|Published

Abahlali babambe umthandazo bekhulula umama uNobengazi obhaqwe ngoLwesibini kwintlanjana eselalini sele ebhubhile kwaye kubonakala ukuba sele izintsuku. UMFANEKISO: SISONKE MLAMLA

Abahlali babambe umthandazo bekhulula umama uNobengazi obhaqwe ngoLwesibini kwintlanjana eselalini sele ebhubhile kwaye kubonakala ukuba sele izintsuku. UMFANEKISO: SISONKE MLAMLA

UNobengazi Nyendwana (60) waseWesley eNgqushwa uqatshelwe ngoMvulo kule veki ukuba akasabonakali emzini wakhe kwindawo yakhe ethile aye avuke achophe kuyo kusasa, nto leyo eyenze isithukuthezi eluntwini. Lo mama ubhaqwe ngoLwesibini kwintlanjana engekudanga kwelali yakhe, ebhaqwa imilenze le iqine ngqi ingasakwazi ukoluleka, umzimba nawo sowuqala ukonakala kwaye kubonakala nokuba uzenzele.

UMama ubhaqwe ngabahlali emva koba kuhlatywe ikhwelo akungabonwa, aphuma amadoda elali uyokukhangela lo mama nothe wabhaqwa kule ntlambo ingekudanga nelali.

Ilungu leKomiti kubahlali eWesley lithi, ebangele ukuba bangqale kule ndawo kukuba ayisosiganeko sokuqala esi sisenzeka njengoko sele kukhe kwabhaqwa umntu kulandawo.

USandile Mvalo, ilungu leKomiti eWesley uthi iminqweno kukuba uRhulumente abadibele lentlambo kuba kucacile abantu isazakubagqiba nanjengoko ixhoba eli ingelelokuqala libhaqwa libhubhile kule ndawo.

“Ngoku esikunqwenelayo luphando emapoliseni ukuze simbone umenzi wobubi kwaye avalelwe. Bayakhala oomama nabantu ababhinqileyo apha eWesley besithi abakhuselekanga kwaye baxhalabile zezi zenzo zenzeka apha,” utshilo uMvalo.

Olilungu losapho uNomzamo Nyendwana uthi bafuna ukuba ade angcwatywe uNobengazi njengoko imeko yexhoba ibingasentlanga ngethuba ebhaqwa kule ntlambo.

Uthi ixhoba khange balibone liphithizela emzini walo kwaye lihlale nakwindawo eliqhele ukuvuka lichophe kuyo nokuye kwaxhalabisa ingakumbi xa ebengaziwa ngumntu wonke, nto leyo yenze bahlabe ikhwelo kumadoda elali.

Abahlali bathi nangona nje amapolisa aseBell efikile anceda, kodwa isikhalazo abanaso bengabahlali kukuba abaye beze ngokukhawuleza xa ebizwa ekuhlaleni.

Isiganeko esinje ayisosokuqala kule lali, ngoNovemba ka2017 kwabhaqwa umzimba kaKhanyisile Malman ebhaqwa kule ntlambo naye. Ukanti sekukhe kwabhaqwa nenkosikazi (62) eyayibulewe sisithandwa sayo kude kufuphi nendawo le, isithandwa eso saye sabanjwa.

Uceba walammandla, uDaniswa Ncanywa, okwanguSomlomo webhunga eNgqushwa, uthi iye ikhula lento eWesley yokubulawa komntu akugqiba alahlwe kula ntlambo.

“Sizakukhe sicele ukuba akukhonto inokwenziwa na ukuqanda iziganeko ezinje ziphele nya. Iyasikhathaza into yokumane kusisa kubhaqwa abantu bebhubhile. Asazi nokuba usweleke njani sisalindele iziphumo zoqhaqho,” utshilo uNcanywa.

ULieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uzingqinile ezi ngxelo kwaye esithi netyala livuliwe. UMawisa uthi bavalele elugcinweni indoda eneminyaka eyi-42 ubudala nezakuthi ingcanjaziswe ngemibuzo.