IKumkanikazi yamaXhosa uNonzuzo Sigcawu, abahloli nababizwa ukuba ngooNomehlo, abantwana benkciyo kwakunye namakhosikazi aseNqadu Komkhulu kuGatyane. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
IKumkanikazi yamaXhosa iseke iqonga elijongana nemiba echaphazela amanina kwakunye nolutsha ngeenjongo zokulwa iingxaki ezichaphazela oomama kummandla waseMbhashe, eli qonga libizwa, ‘Queens’ Desk.’
Eli phephandaba libenodliwanondlebe ubuso ngobuso neKumkanikazi yamaXhosa, uNkosikazi uNonzuzo Sigcawu, apho ibidakanca ngezinto ezininzi ezixoxwa kweli qonga kwanenjongo yokusungula inkciyo.
Uthi la matiletile kuzinzame zokulwa izinga eliphezulu labantwana abangamantombazana abakhulelwa beselula, ulutsha olungenanto yakwenza, ulutsha oluzibandakanya kwizinto ezigwenxa, kwanoomama abasajongene nemingeni yokuphathwa gadalala emitshatweni yabo kodwa bangathethi.
Kutshanje, ummandla waseMbhashe ubusandula ukudizwa nje ngalowo uhamba phambili ekukhulelweni beselula ngokweminyaka. IKumkanikazi ithi ngeli qonga bafuna ukuza nezisombululo ezizakuthi ziphuhlise ulutsha lutsho lukwazi ukuba nento yokwenza nokukwazi ukuzimela.
Kwinyanga kaSeptemba kunyaka osandula ukuphela, kwiKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuye kwasungulwa ngokusesikweni inkciyo apho abantwana abangamantombazana abaqala kwiminyaka esibhozo ukubheka phezulu bahlolwayo, kwaye bafundiswa nangohlobo lokuziphatha ukuze uphumelele, xa ungumntwana oyintombazana kwanabo bangamakhwenkwe bayinxalenye nale nkqubo. Uthi basebenzisane nezikolo eMbhashe kwakunye naseMnquma kuba uthi kulapho abantwana bakhoyo kwaye bachitha ixesha labo elininzi khona.
Uthi abantwana babonakalise umdla wokuba yinxalenye yoku, nangona esithi yona inkxaso bangayivuyela ephuma kuRhulumente ngeenjongo zokukhuthaza abantwana kwanokuba baphuhle nangakumbi.
IKumkanikazi ithi babone ukuba bangarhwebi amantombazana kuphela nabo bangamakhwenkwe beze ukuze kukhule amadoda aqingqileyo naneenjongo ngobomi kwanayaziyo ukuba umntu obhinqileyo uphathwa njani.
Okuhle nokuncomekayo ngeli phulo leNkciyo kukuba nabantwana abangamaxhoba odlwengulo bayabamkela kweli phulo kuba esithi babanika elinye ithuba kwaye kuba bengazange bazenze ekubeni babekulemeko bakuyo.
IKumkanikazi ikhuthaza ukuba abantu bathethe phandle ngezinto ezibadlayo, ukwakhuthaza neentsapho kumakhaya ekubeni bangayikhuthazi into yokufihlwa kwamanyundululu awenzekayo, kungakhuthazwa ukuthethwa kwesikhaya kwezinto ezakuthi zibeyingxaki emntwaneni ekukhuleni kwakhe.
Ukwathi ezinye zeenqkubo zabo kukuphuhlisa noomama emakhaya babenento yokwenza bakwazi ukuzimela kwaye bakwazi nokuthetha.
UKumkanikazi uNonzuzo Sigcawu uthi zininzi izicwangciso abanazo bengamakhosikazi akomkhulu, neziza kuphuhlisana nabo bengamanina.