Indlu eyayihlala umama nomzukulwana ongasekhoyo edilike ngenxa yezandyondyo zemvula. UMFANEKISO: Rusa
Kubhubhe owasetyhini nomntwana eZwelisha kumntla weTheku emva kokudilika kwendlu abebehlala kuyo ngethuba belele ngobusuku bangoMgqibelo ngenxa yezandyondyo zemvula eziqhubeka kwiphondo lonke laKwaZulu-Natal.
Inkampani yabucala ejongene nokhuseleko kunye noncedo olungxamisekileyo eseKZN, iReaction Unit South Africa (Rusa), ibizwe kwindawo yexhwayelo ukuze ihlole ikhaya elidilikileyo elenziwe ngamaplanga nangezinki ngasemlanjeni.
Kuthiwa abahlali baqale ngokukhangela abantu abahlala kweli khaya kodwa baye batsalela umnxeba inkampani yakwaRusa bakuba bengabafumani.
“Amagosa akwaRusa athunyelwe ngoko nangoko afika kwindawo yexhwayelo namapolisa aseVerulam. Abaphenduli bokuqala bakwaRusa ngoncedo oluvela kuluntu baye bagqogqa kule ndlu idilikileyo.
“Babhaqe izidumbu zikamama kunye nomzukulwana wakhe ebhedini. Inkwenkwe kukholelwa ukuba imalunga neminyaka emine ubudala.
“Kukholelwa ukuba bebelele ngethuba kuwa le ndlu,” itshilo iRusa.
Amapolisa aKwaZulu-Natal awakwazanga kuqinisekisa ukubhubha kwesi sibini.
“Asikabi nalo ityala elinjalo okwangoku,” sitshilo isithethi samapolisa eKZN uColonel Robert Netshiunda.
Abasemagunyeni kweli phondo bebexakekile bezama ukunciphisa umonakalo kwaye bafuduse abantu abahlala kwiindawo ezidla ngokuba nezikhukhula.
Ebutsheni bale veki, isebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA) likhuphe isilumkiso malunga neebhulorho ezizaliswe ngamanzi kumasipala waseMaphumulo kumantla eKZN naseMariannhill kwintshona yeTheku, ngokwengxelo yephephandaba iThe Mercury.
Iinkcukacha-manani ezilinganisa umonakalo obangelwe yimozulu embi ngexesha leziyunguma ukuya kutsho kunyaka omtsha, zibonisa ukuba kubhubhe abantu abangamashumi amane (40).
Kweminye imimandla esemantla eKZN njengaseTongaat, iqela leenkonzo zikaxakeka zabucala i-IPSS Medical Rescue ithi amaqela abo asebenze ubusuku bonke njengoko abantu babevaleleke ezindlini nasezimotweni.
“Umlambo onqumla kwidolophu yaseTongaat uye waphuphuma, ushiya abantu ababini bexinge emthini kunye nomntu wesithathu exinge edongeni olurhangqwe ngamanzi anyuka ngokukhawuleza.
“Aba bantu bathathu bahlangulwe ngamalungu ethu kwaye khange bafumane monzakalo,” utshilo uSamantha Meyrick weIPSS.
I-IPSS Medical ichaze ukuba akukho mntu ubhubhileyo.
UKyle Van Reenan wakwaEmer-G-Med ukwathe amaqela asabela kwiminxeba yabantu abavaleleke ngamanzi, njengoko ukunyuka kwamaqondo amanzi kunyanzelise abaninzi ukuba baye kwiindawo eziphezulu kwingingqi yaseThekwini.
“Kungene iminxeba emininzi ifuna uncedo ngezikhukula kwiindawo zasekuhlaleni, ukuwa kwezakhiwo kunye nabahlali abavaleleke kumakhaya abo,” utshilo uVan Reenan.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.