Iindaba

Oonomngqushwana bakhumbule uMandela eQunu

Abongile Ginya|Published

ENelson Mandela Youth and Heritage Centre eQunu eMthatha kwikhaya likaNelson Rolihlahla Mandela. UMFANEKISO: DSRAC

Bangaphaya kwamakhulu amathathu (300) oonomngqushwana abafikelwe yiKrisimesi phambi kwexesha, emva kokuba bethe banenyhweba yokonwatyiswa liSebe lezemiDlalo, ubuGcisa kwakunye neNkcubeko ePhondweni.

Kungethuba eli Sebe libambe imibhiyozo eQunu ngoLwesibini nalapho ibingunyaka weshumi (10), engasekho uNelson Rolihlahla Mandela.

UMandela wayesaya kuba nguMongameli weli loMzantsi Afrika. Wabhubha ngomhla wesihlanu (5) kuDisemba, olu ibilisuku lesikhumbuzo kwaye egqiba iminyaka elishumi engasekho.

Oonomngqushwana babenethuba lokudlala mahala imidlalo eyohlukeneyo, bafumana nezipho.

UMphathiswa weSebe uNonceba Kontsiwe uthi lukhulu kakhulu olu suku kubo kuba kukhunjulwa uMongameli owayebathanda kakhulu abantwana.

UKontsiwe uthi kungoko bebone ukuba mayibelusuku lwabantwana baluchithe nabantwana njengoko babesondele kakhulu kongasekhoyo.

UKontsiwe uthi oku ikwakukukhumbuza uluntu ekubeni kujongwe kwizinto awayezithanda kakhulu ezinje ngemfundo kwanokukhathalelana kwaye kumanyanwe. Uthi yanga igama likaRholihlahla lingangacimi.