USiphelo Nqontsonqa Zotsho Nquphula Dyongman ngokohlobo ebebizwa ngalo ziitshomi zakhe esaphila. Zimkhumbule ngempela veki eRhini njengoko ebegqiba unyaka engasekho. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Indima edlalwe ngongasekhoyo obeyimbongi, engumbhali nobekhuthalele ukungalahlwa kolwimi lwesiXhosa kwanokuxatyiswa kwesiNtu, uSiphelo Dyongman waseRhini, ayinakuze ilibaleke kulutsha lwaseMpuma Koloni ingakumbi koogxa bakhe eRhini neziphaluka.
Oku kubonakale xa oogxa bakhe, usapho kwanabasebenza kwezobuGcisa neNgqaka Communications bemkhumbula kwiveki ephelileyo nobegqiba unyaka engasekho, bemkhumbula ngohlobo olunomahluko ngokuthi bonyuse ingxowa-mali kuba belungiselela abantwana bakaDyongman awabashiya ngasemva kwangethuba.
UDyongman nobezibiza ngelikaNqontsonqa igama leqonga ubhube kunyaka ophelileyo ngomhla wama28 kuOkhthoba kwingozi yemoto eyasuba umphefumlo wakhe.
UNqontsonqa ebenalo necwecwe lakhe elithi ‘Ukuhamba Lichiza,’ nenemibongo eyi12 ngaphakathi. Kuyo singabalula othi Imbongi yakwaNtu, Yakha Ingoma, Camagu, Yiyo le ngulo nezinye.
Omnye woogxa bakhe abebelungiselela lo mcimbi wokukhumbula uNqontsonqa, uAkhona Mafani nowaziwa ngelikaBhodl’ingqaka uthi ayinakuze isuke ezingqondweni imisebenzi kaNqontsonqa kwanendima ayidlale kakhulu esiXhoseni, nakwisiHobe sesiXhosa.
UBhodl’ingqaka uthi imibongo kaNqontsonqa yonke ibibhalwe ngesiXhosa uthi, ibihlaziya, iphilisa, ifundisa, ikhumbuza ikwadibanisa abantu.
Uqhube wathi, “Siye sahlala phantsi sazibuza ntwinye eyokuba ingayintoni esinokuyenza nenokuthi ibeyimbuyekezo kubantu ebebathanda nabebesondele kuNqontsonqa abafana nabantwana bakhe. Ebebathanda kakhulu ke abantwana bakhe kungoko siqonde masenze into echukumisayo kwaye eyakuthi incumise nabantwana bakhe.
“Sizamile ke ukuqokelela imali le siye sayenza ngolu suku lwesikhumbuzo kwaye sibulela kwabathe baphosa esivivaneni ngolu suku umohluko bakwenzile. Kubekho nabangakhe baphumelele kodwa bakwazile ukufaka imali kuba befuna eli phulo libeyimpumelelo njengokuba kwenzekile,” utshilo uBhodl’ingqaka.
Iimbongi, ababhali kwaneemvumi ezingabahlobo bakaNqontsonqa khange zimkhanyele athi akungabikho emhlabeni zimlahle, ziye zabambana yabalusuku lwesikhumbuzo kwaye yayimpumelelo.
Singabalula abafana noSobs, Dongadala Bemdiliza, Bhodl’ingqaka, Chosi, Damage, Gxobhinzolo, Njilo noDezz, Mandilakhe, Twazi nabantwana bakaAsa.
UBhodl’ingqaka ubulele inxaso kubalandeli esithi eli phulo bazakuliqhuba minyaka le ukukhumbula ugxa wabo.
UNqontsonqa ungcwatywe kunyaka ophelileyo kowabo eRhini nesele isaziwa ngeMakhanda nalapho umngcwabo wakhe wawunomahluko kokomyalelo wakhe esaphila, kunxitywe isiNtu ngoogxa bakhe kwaneeNtatheli zaseMpuma Koloni ezazifunda naye eWalter Sisulu University.