INkulubaphathiswa eMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane enqwenelela abafundi bonke ingakumbi abo bakaGrade12. UMFANEKISO: ECOPT
INkulubaphathiswa eMpuma Koloni uOscar Lubabalo Mabuyane ubongoza abazali, noluntu ekuhlaleni ekubeni luxhase abafundi kangangoko ngelixesha labo lokuchophela iimviwo zokuphela konyaka.
UMabuyane ukutsho oku ngoMvulo kusasa xa kanye bebeqala iimviwo zabo abantwana nabaqale ngolwimi lesiNgesi iphepha lokuqala uPaper 1 ngamanye.
Uthi abazali mabayazi ukuba isikolo yinto yokuqala neyokugqibela. Kuba wakufunda ugqibe uxanduva kukukhulisa ikhaya lakho nokuhoya abazali bakho.
EMpuma Koloni izikolo ezichophele iimviwo zikaGrade 12 ka2023 ziyi953, ze abafundi bona babeyi98 822 bebonke.
IMpuma Koloni kwiziphumo zika2022 zize no77,3%, kwezi zalonyaka u2023, iPhondo lithi ligacele u80%.
UMabuyane, ukwakhuthaze nabafundi uqobo esithi mabafunde ngokwamaqela kuba oko kuyanceda naxa uxakwe yinto uncedakale kunaxa uzifundela uwedwa.
Uqhube wathi zebazikhwebule kangangoko kwizinto ezinokuthi zimoshe amathuba empumelelo yabo ukukopa ukutsho.
UMabuyane uthi kwezemfundo eMpuma Koloni kunozinzo oluncumisayo ngoku akusafani nangaphambili apho bekunzima kwaye uthi ngoku kuyiwa phambili nolozinzo akusenakubuyelwamva.
Watsho encoma izikolo zasemaphandleni esithi ziyazama zizilwela kwizikolo ezisezidolophini ezinezixhobo kunabo.
Uthi ootitshala baqeqeshwe ngendlela efanayo ngoko ke makungabikho mohluko kwizikolo zasemaphandleni nezasezidolophini.
UMabuyane ubeke uxanduva kwizikolo ezisezidolophini esithi abanazo izizathu zokuba zingapasi kakuhle kuba amaxesha amaninzi banezixhobo ezininzi kwaye ezohlukileyo kunezo zasezilalini.
AmaSebe kaRhulumente kulo unyaka anikezele ngezixhobo zokufunda ukuncedisana nabantwana ezikolweni kwanokuqinisekisa ukuba imfundo iyaqhuba.
UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uxelele oonondaba kwiveki ephelileyo ukuba beleli sebe bazilungele ezimviwo.
UMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke uAngie Motshekga unqwenelele bonke abafundi beli loMzantsi Afrika.