Iindaba

IBCM itshabalalisa iimveliso zomgunyathi!

Abongile Ginya|Published

Amagosa ezeMpilo eBCM kwenye yeevenkile eArcadia eMonti ezithengisa iimveliso zomgunyathi nezinobungozi: UMFANEKISO: BCM

Amagosa ezeMpilo eBCM kwenye yeevenkile eArcadia eMonti ezithengisa iimveliso zomgunyathi nezinobungozi: UMFANEKISO: BCM

UMasipala ombaxa iBuffalo City ukwiphulo lokubhangisa zonke iimveliso zomgunyathi ezifana nezo zokubulala izinambuzani, nezifumaneka kwiivenkile zabemi bangaphandle nekuvakala ukuba zize kweli ngondlela mnyama.

Ezi mveliso zomgunyathi zibhaqwe kugqogqo eAcardia Mall eMonti ngoMvulo kule veki.

Ugqogqo luza emva kwekhwelo lokuba ezi mveliso zingene ngokungekho semthethweni kweli kwaye zize ziliqela.

Obambele njengoManeja KwiCandelo lezeMpilo kulo masipala uLuyanda Madikizela uthi, “Ezi mveliso zithengiswe ngondlelamnyama kwaye neshishini eli zikulo alibhaliswanga ngoku semthethweni ukuba liqhube kwiSebe lezoLimo, uHlengahlengiso loMhlaba noPhuhliso lwasemaPhandleni (DALRRD).

“Ukuza kwethu uzokuhlola nokujonga silandelela ugqogqo obelenziwe ngamaPolisa kuLwesithathu odlulileyo,” utshilo Madikizela.

Ingxelo qhuba ithi, ixabiso lezimveliso zithinjwe kule venkile zenza iR8 983.

Ezi mveliso kukwafunyaniswe ukuba zinobungozi.

“Zikhona nezinye iivenkile kwalapha eBCM ezaziwayo ukuba nazo zithengisa ezimveliso nazo zizakutyelelwa kungekudala ukuqinisekisa nokhuseleko kuluntu,” woleke ngelo uMadikizela.

Kukwalindeleke ukuba luqhube olugqogqo nakwiivenkile ezincinci ispaza shop ukutsho.