Iindaba

Isanyamalele intwazana eneeveki yanyamalala

Abongile Ginya|Published

Entle Mate (17) ogqiba inyanga ngoMvulo wale veki enyamalele kwaye engaziwa apho akhoyo. UMFANEKISO: SAPS

Entle Mate (17) ogqiba inyanga ngoMvulo wale veki enyamalele kwaye engaziwa apho akhoyo. UMFANEKISO: SAPS

Yinyanga idukile intwazana yakwaMate eTinarha eMpuma Koloni kodwa kunjalo alikapheli ithemba kusapho lwale ntwazana egama linguEntle Mate (17) njengoko lusacela ukufuniswa umntwana walo.

Ngokwengxelo kaCol Priscilla Naidu, ithi, le ntwazana iduke ngomhla we18 kwinyanga ephelileyo.

UMate uhlala nosapho lwakhe kwisitalato iXolile Botoman eKhayamnandi eTinarha.

Ugqityelwe ukubonwa ngootshomi bakhe esikolweni ngomhla we17 kuAgasti ze wabikwa emapoliseni ngomhla we18 xa kubonwa engade angene endlini kowabo.

U-Entle ugqityelwe enxibe isikipha esimhlophe, izihlangu ezimnyama, ibhlukhwe yejini eluhlaza ethwele nebhandana emnyama.