Umsasazi wenkqubo yeTV uNyan’Nyan uLuyanda Potwana nobegxekwa kuba esuke wabonwa esecaweni, kulomfanekiso ubonakalisa njengegqirha eligqityiweyo lagoduswa. UMFANEKISO: FACEBOOK
Usaziwayo kamabonakude (TV) nowaduma ngenkqubo kaNyan’ Nyan uLuyanda Potwana, nobekukhe kwarhuqwa igama lakhe kumakhasi onxibelelwano kwiiveki ezidlulileyo, malunga nenkolo yakhe uphendule kwezo zenyeliso ephendula kwikhasi lakhe kuFacebook ukutsho.
UPotwana noligqirha elipheleleyo okwayinzalelwane yaseNgqushwa, ubonwe efake ividiyo yenkonzo yosindiso kumnandi ePort Shepstone noye waphinda waxhoma imifanekiso yakhe eseLusikisiki.
Abantu baye bamgxeka kabukhali ngezividiyo nale mifanekiso bemonyelisa kambe abanye besithi ufulathele ubugqirha, I’solezwe lesiXhosa licaphule kwinto ayibhalileyo ephendula kwikhasi lakhe lika Facebook kusasa ngoLwesine uPotwana uthe:
“Ndinqwenela ekubeni singakhe sifunde ukukhe sijaje umntu ngento ayikhuphe ngomlomo wakhe hayi ngondiva. Ngoku sizakuthukwa ngenxa yozungul'ichele abafuna ukuduma ababa imifanekiso yam bayisebenzisele ukubhala ububhanxa esingabuthethanga? Nani ke nibengoo thathekile ningene kulo mgibe!
“Ndidibana phi mna ngoku nezinto zokurhoxa? Kumba wengxoxo nenkolo yobuKrestu nenkolo yakwaNtu - ndicela abo banamandla wokuxoxa ngalonto bahambe bayoku xoxa ngayo kude le hayi kwikhasi lam.”
Oka Potwana uqhube wathi kudala wakhonza yena ayontwintsha: “Into yokukhonza andiyiqabuki. Sukela ngo2006 ndandikhonza. Ndibuzeni kwabandaziyo. Kutheni into yokukhonza kwam, jiki jiki ivusa iingxoxo malunga nobugqirha bam?
“Ewe! Ndiyakhonza kwaye andixolisi ngalonto!”
“Ndikwacela ndingoyanyaniswa nezinto ezingakhange ziphume emlonyeni wam, andikho muncu mna. Andisoze ndisebenzise into yokukhonza kwam ukugxeka nokubetha ezinye iinkolo (inkolo yakwaNtu ke kule meko). Ngoko ke ndicela intlonipho, nihloniphe igama lam.”
UPotwana wavala nge lithi, “Ndinithanda Nyan’Nyan.”