AIDS Healthcare Foundation (AHF) ikhuthaza abantu abangamadoda ekubeni baye kwiiklinikhi uyokufumana uncedo kwaye nokwenza uvavanyo, bangamameli iimfundiso zasesitratweni.
Ngokwenkcukacha manani weAIDS Healthcare Foundation abona bantu batyelela kakhulu iiklinikhi ngabantu ababhinqileyo ukogqitha abantu abangamadoda, leFoundation ithi oku kuyaxhalabisa kuba isigulo xa sibonwe ngethuba siyanyangeka, esinganyangekiyo siyalawuleka xa usitya itrithimenti.
UPrevention Program Manager weAIDS Healthcare Foundation uLizo Dziba, utsho ehlaba ikhwelo ekhuthaza abantu abangamadoda ekubeni bazityelele iiklinikhi kuba izigulo azikhethi njengoko nempilo ibalulekile.
Oku kuvele ngethuba leFoundation ibambe umsitho wokuvala inyanga yamanina eICC eMonti ngoLwesine kwiveki ephelileyo. Apho bekufundiswa uluntu kwakunye nabafundi ngeentlobo eziliqela abanokuthi bazikhusele ngazo kwisifo sikagawulayo iHIV ukutsho, kwakunye nezenzo zemphatho gadalala neyaziwa njengeGBV.
Abona bantu bayayo eklinikhi kwaye nabenza uvavanyo lwezifo ezifana neHIV, iTB ngabantu ababhinqileyo.
UDziba uthi amadoda awathethi, umntu uxolela ukujika xa kugcwele naxa ebona ingathi uzakuncedwa ngunesi obhinqileyo. Uqhube wathi kungoko besebenzisana neSebe lezeMpilo eMpuma Koloni kwimigudu malunga nokuba zandiswe iindawo zootata kwiklinikhi iMan's Corner ukutsho. Uthi zikhona esele ziqalile kodwa zisembalwa kakhulu.
Ingxelo ithi uninzi lwamadoda xa kuvavanye iqabane labuya neziphumo ezincumisayo indoda ayibisaya uyokuvavanya ntoleyo ingakhuthazwayo, kuba kuthwa kungabonwa nesinye isifo ebesizifihlile xa uvavanya kungoko bekhuthaza ootata.
Osebenza njengeNtatheli eMpuma Koloni noyindoda (39), uthi oku uyakungqina ngokwamabali asele ewenzile ezempilo njengoko esithi bambalwa abantu abangamadoda akhe wenza ngabo amabali anento yezempilo.
Uthi amaxesha amaninzi ngabantu ababhinqileyo. Ukwagxeke amadoda esithi kuqala bona bengamadoda ngokuthi bahlaselane, xa omnye embona esiya eklinikhi noye aphele etyhafa. Uthi banikana amacebo batsho babaleke kwiibhotile zosela zesiXhosa afana nomvusanduku.
UDziba uthi ezo zimfundiso zasesitratweni okubalulekileyo kukuya eklinikhi.
UMlawuli kwiAIDS Healthcare Foundation uNomalizo Matsheketwa naye uyakhuthaza ukuba baye eziklinikhi ootata kuba esithi bayazazi izizathu ezibangela bakonqene ukuya kwiiklinikhi.
“Siyayazi banezinto ezininzi abangazithandiyo kodwa siyabakhuthaza kuba isebe liyazama ukukhawulelana nabo njengoko sele kukho iMan’s Corner kwiiklinikhi.
“Siyayazi abanye baye bakhalele ixesha okwakuchitha imini yonke befolile, abanye kukoyika isitofu, okanye xa ebonwa esiya eklinikhi kuzothwa yindoda ethambile, abanye babebenezifo abangenokwazi ukuzichaza kuba ebona uninzi iingomama,” utshilo Matsheketwa.