Enyembezana ngoLwesibini ezinkundleni eBloemfontein uGqirha Nandipha Magudumene (35), ngethuba kufakwa isicelo sebheyile yakhe ligqwetha lakhe uFrance Dlamini.
Ebenyembezana uGqirha Nandipha Magudumane (35) ngethuba igqwetha lakhe, uFrance Dlamini, lifunda incwadi yesicelo sakhe sebheyile kusasa namhlanje enkundleni yaseBloemfontein kwiphondo laseFree State. UGqirha Magudumana ubuyele enkundleni yedwa namhlanje eyocela ukunikwa ibheyile.
Kothuke abantu abaninzi xa uMagudumana esithi enkundleni mayimnike ibheyile ngoba wanyanzelwa nguThabo Bester awabanjwa naye eTanzania kwiinyanga ezidlulileyo.
Uza kubuyela enkundleni yaseBloemfonteini kwakhona ngomso uMagudumana emva kokumiswa kwenkqubo yesicelo sakhe emva kokuba umtshutshisi usiphikisile isicelo sakhe wamchaza njengomntu onganyanisekanga futhi ongawuhloniphiyo umthetho welizwe loMzantsi Afrika.
UMagudumana, onyinzalelwane yaseMpuma Koloni, ngumama wabantwana ababini. Uqale ukuchiphiza iinyembezi xa igqwetha lakhe liqala ukufunda izizathu zokucela kwakhe ukunikwa ibheyile.
Uthe ngomhla we17 kweyoKwindla wagrogriswa sisinqandamathe sakhe, uThabo Bester, akakwazi ukwala ngalo ukuhamba.
Ezinye zezizathu ezibalulwe nguMagudumana kwisicelo sakhe kukuba unabantwana abangamantombazana abasebancinane. Omdala uneminyaka elishumi elinanye omnye uneminyaka emithandathu. Esinye uthe akanaso isihlobo esingaphandle koMzantsi Afrika.
Umtshutshisi uxelele inkundla ukuba iinkcukacha zedilesi kaMagudumana aziyonyaniso. Enye into uMagudumana zange asebenzise incwadi yokundwendwela yakhe okanye enegama lakhe. Ityala liza kuqhubela phambili kwakhona ngomso.