UMongameli weli uCyril Ramaphosa eMaponya Mall eSoweto namhlanje apho ebeyokuxhobisa abantwana abangamakhwenkwe ngohlobo amabaziphathe nohlobo lokuzikhwebula kwizenzo zeGBV.
Abantwana abangamakhwenkwe makuthethwe phandle nabo ngempatho gadalala kwakunye nezixholoxholo ezibhekise kumanina kwakunye nabantwana ukuze usitshulwe nengcambu lomkhwa besakhula, oku kudizwe nguMongameli weli uCyril Ramaphosa kusasa namhlanje ngethuba eyingxenye yePresidential Young Man Indaba eMaponya Mall eSoweto.
Le Indaba ibiphakathi kwabantu abangamadoda kwakunye namakhwenkwe apho nenjongo yayo ikukuxhobisa ngobungozi nangezenzo zohlukumezo, ubundlobongela kwanoxhaphazo into ebizwa ngokuba yiGBV kule mihla.
URamaphosa uthi iindibano ezinje rhoqo zibalulekile ukwakha isizwe esingcono. Ucenge la makhwenkwe kwakunye namamadoda ebenawo abantwana abangamakhwenkwe baqale ubudlelwano obuhle koomama babo ukuze bakhule belwazi uthando kwaye besazi nokuba uphathwa njani umntu obhinqileyo.
Uluntu oluninzi kunxibelewano lomnatha luyivuyele le-Indaba kuba lusithi ngamaxesha amaninzi kusoloko kugxilwe ekuxhotyisweni kwabantwana abangamantombazana ngokohlobo abanokuzikhusela ngalo nabanokuziphatha ngalo. Ingxelo iqhubeka ithi nakumakhwenkwe makugxilwe bazakutsho bamazi ukuba umntu obhinqileyo uphathwa njani.
Olitshantliziyo kwenye yeelokishi ezaseMonti nedume ngentselwa ngqesho njengoko inolutsha olungenanto nakwenza uLindelwa Siko, uthi abona benzi bobubi amaxesha amaninzi ngabantu abangamdoda.
USiko uthi, ukubona kubalulekile ukuba kujongwe kubantwana abangamakhwenkwe ukuze bakhule bekwazi ukuziphatha kakuhle bazokutsho bayazi nokuba umntu obhinqileyo uphathwa njani.
Kutshanje, kule lokishi iDuncan Village intwazana ihlabe yabulala iqabane layo ebihla nalo kwityotyombe.