Efakwa kwimoto yeeHawks ngamagosa owayesakuba nguManejala kuMasipala iEnoch Mgijima, emva kokujongana nezityholo ajongene nazo zokuthoba imali ngomlenze yoMasipala: UMFANEKISO: UCATSHULWE KWIVIDIYO YE HAWKS
Obengumanejala kumasipala iEnoch Mgijima uNokuthula Cecilia Zondani (52) uzakube evela kwiiNkundla zamaTyala eMonti ngomhla we11 kuSeptemba malunga nezityholo abekwe zona ezokuthoba ngomlenze imali ezizigidi zeerandi.
UZondani uvelile kule veki ezinkundleni kuKomani emva kokuba ethe wabanjwa ziiHawks eMpuma Koloni, nalapho akhululwe ngebheyile yeR5000.
Kutyholwa ukuba, ngethuba uZondani engumanejala kamasipala waseEnoch Mgijima nophantsi kweANC, ibhunga lenza isivumelwano sengqesho seenyanga eziyi-36 nomboneleli-nkonzo malunga nokubonelela ngoomatshini obolekisayo wokulima.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks eMpuma Koloni uYolisa Mgolodela, ithi, ibhunga laphumeza isivumelwano, sentlawulo ye-R1.2 yezigidi zeerandi ngenyanga kumboneleli-nkonzo, kutyholwa ukuba uZondani uye wasitshintsha ngokungekho mthethweni isivumelwano – ngaphandle kwemvume yebhunga naba phezulu kulo masipala– wagunyazisa ukuhlawulwa kwe-R2.4 yezigidi zeerandi ngenyanga.
UMgolodela uthi ityala liqhubeka eMonti kwinyanga ezayo lisusiwe kuKomani.