Iindaba

Ugxekiwe ngamapolisa umyalezo oshicilelweyo nomemelela udlame!

Tauriq Hassen|Published

ULieutenant General Nomthetheleli Mene ukhuphe umyalezo ebongoza uluntu lwedolophu yaseKomani neziphaluka ekubeni lungawuhoyi umyalezo oshicilelweyo (voice note) noyalela uluntu ukuba kuzakuvalwa yonke indawo ukuvalela uMongameli waseMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa ozakube eseTsomo kusasa ngoLwesihlanu kule veki.

URamaphosa uzakube eqhuba neenkqubo zikaRhulumente esele kulithuba eqhuba nazo Imbizo. Kule veki uzakube eseTsomo.

Le voice note ihlaba ikhwelo eluntwini ekubeni bathumelelane kangangoko lomyalezo kwaye kuqokelelwe nabantu.

Iingxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu ithi, indoda ebiphembelela lomyalezo neyashicilela lo myalezo ibanjiwe kwaye ibivelile kwiNkundla ngoLwesihlanu kwi veki ephelileyo neye yakhululwa ngebheyile.

Le ndoda libhengeziwe ngamapolisa igama layo nguMncedisi Mbengo kulindeleke ukuba avele kwakhona ngalo uLwesihlanu umhla we11 enkundleni eKomani.

UMene ukwalumkisa uluntu ngokusasaza ulwazi olungelulo okanye oluxokayo esithi kubaneziphumo ezingancumisiyo. Ukwabongoza uluntu ekubeni luziguzule ekusasazeni kwanokuthumela imiyalezo engaqinisekiswanga.