Iindaba

Kuse kubulewe inina ngolu suku lamanina

Abongile Ginya|Published

Ilizwe loMzantsi Afrika libhiyozela usuku lwamanina namhlanje, kodwa okubuhlungu kukuba ngolusuku kubulewe inina endlini yalo kusasa namhlanje eRichmond Hill eGqeberha.

Kurhaneleka ukuba bekuqhekezwa kulendlu yeli nina. Iingxelo ithi oomakhelwane bakhe beve ukuphokroka kwefesitile emva koko yaba sisikhalo sakhe kwabe kuphambi kwentsimbi yesibini ezinzulwini zobusuku.

Eli nina (40) kufikwe lisopha ligazi ligcuma zintlungu ngamanxeba okuhlatywa ngemela.

UCaptain Sandra Janse Van Rensburg uthi eli nina liye labalekiselwa esibhedlele noye wabhubhela endleleni.

UCaptain Janse Van Rensburg uthi akukacaci ukuba ootsotsi bathathe ntoni kwindlu yexhoba.

Ityala lokubulala livuliwe kwisikhululo eHumewood kwaye liyaphandwa.