Abahlali baseTholeni eGcuwa basashaqekile sisiganeko abavuke ngaso esimasikizi ngentsasa yayizolo emva kokuba umama onguBongeka Buso (38) kwakunye nabantwana bakhe abathathu uAnathi (14), uOrabile (8) noOratile (5) bebhaqwe bebhubhile kwikhaya labo.
Kufikwe uBongeka ezixhome ngentambo kurontawuli logama abantwana bakhe abancinci uOrabile kwakunye noOratile bebesebhedini nekukrokrelwa ukuba batyiswe ityhefu ze uAnathi wabhaqwa edunduluze phantsi kwaye imela isemqaleni wakhe.
Esi sithwakumbe senzeke eTholeni sibhaqwe yinkosikazi yaselalini ebindwendwele kweli khaya ngezithuba zentsimbi yesixhenxe kusasa.
ULieutenant General Nomthetheli Mene uthi esi sithwakumbe kungenzeka sibangwe yindlala.
“Iingxaki nemingeni ejongene amanina kungabangela uxinzelelo lwengqondo. Njegoko siqala le nyanga yamanina ndihlaba ikhwelo kumanina ekubeni bathethe phandle kwaye ilizwi labo livakale. Oku kuzakunqanda okubi okungekenzeki benzele ukuba bangade bagaxele kwiingxaki kwaye bangakwazi nokuthetha,” utshilo uMene.
Isiganeko esibumila kunje senzeke eNgcobo kunyaka ophelileyo apho umama uNomboleko Simayile (32) waye wabulala abantwana bakhe abane belele kuba wayesithi xa ejonga abantwana bakhe wayebona iintloko zenyoka.
Ukanti ummandla waseTholeni ubukhe waduma kakubi ugutyungelwe kukufa nalapho bekubulawa abantu ingakumbi abamanina abahlala bodwa. Oku kuqhube iminyaka ephakathi kuka2008 ukuya ku2009.
Amapolisa avule ityala kwaye ayaqhubekeka nophando.