ULikho Billie noosomashishini abamxhasileyo nge mpahla zokunxiba, ngethuba ebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa nabo basebenza ngokugada iimoto zoluntu eMdantsane City. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
ULikho Billie nongumsasazi kwisikhululo sasekuhlaleni iMdantsane FM ubhiyozele usuku lwakhe lokuzalwa ngohlobo oluchukumisayo emva kokuba ethe wenza utshintsho olumangalisayo kwabo bazitsalela nzima empilweni.
ULikho ngomhla wamashumi amabini (20) kule nyanga eyeKhala ebegqiba amashumi amathathu anesixhenxe (37) eminyaka ezelwe uthi ebeqala ukukhe enze imibhiyozo eloluhlobo xa isisikhumbuzo sokuzalwa kwakhe.
Uthi ungumntu ohlala endlini nosapho lwakhe xa ilusuku lwakhe atye kamnandi ebengekhe ayicinge eyokwenza into, kodwa le ibenomahluko nathi ukholelwa ukuba usetyenziswe nguThixo ukunceda.
Lo msasazi uncede amadoda angamashumi amane anesibini (42) asebenza ngokugada iimoto zabantu kudederhu lweevenkile olwaziwa ngokuba yiMdantsene City.
Kumaqithiqithi athe abhaqwa ngawo aba noogada singabalula izilamba ezimfumamfuma, iikepusi, izikipa, izihlangu ezisemgangathweni zokusebenza kuquka neziqholo zokucoca umzimba.
“Ndingumntu ondwebileyo kakhulu kodwa ngolusuku ndivele ndanyaba ngenxa yokubona imimangaliso kwanobabalo loPhezulu, ndivele andayazi ukuba mandithini kuba oku khange ndikucwangcise kuye kwaqubulisa kodwa kunjalo kothusa kwaye kwayimpumelelo,” utshilo Billie.
“Okwandisusayo ekubeni ndenze olutshintso ngosuku lwam, ndandiphangela kunetha ngamandla futhi, xa ndithi omnye wonogada unxibe iiflophs kule mvula hayi ngoku thanda kuba engenazihlangu.
“Omnye ngapha ezama uyokunceda imoto wabe ephoxwa ndaqonda ngekhe iyandichukumisa le ndiyibona apha into makubekho into endiyenzayo ndingachukumiseki nje ndingenzinto,” woleke ngelo uBillie.
Lenkosikazi idlulisa amazwi ombulelo koosomashishini abamxhasileyo. Uthi ebengenayo nesenti kodwa ngenxa yoosomashishini kwaneesaluni ankqonkqoze kuzo ecela uncedo zilwenze yayimpumelelo olu suku.
Uthi ezinye zenjongo ezincumisayo ngaba nogada kukuba ba ngumzekelo kwaye bayinkuthazo nakwabanye kuba bavuka bazenzele abakhethi ukuyokukhuthuza.
“Njengoba ndiqalile andizukubuyamva ndizakuyenza nakunyaka ozayo, injongo ke ndifuna ukutyhutyha yonke IMpuma Koloni hayi Mdantsane kuphela.” uvale ngelo ULikho Billie.